MPUMA KOLON I- Inkulu baphathiswa yephondo leMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane ikutyelelo lwayo lezorhwebelwano kumazwe amabini walapha eAfrika i-Tunisia kunye neJiphethe.
Oka Mabuyane uthi izakugwetywa indlala kwiphondo leMpuma Koloni, zonke iimpula zikalujaca zizakudlala ugqaphu ngesoseji.
UMabuyane ukuthethe oku emveni kokutyikitya isivumelwano ngamxhelo-mnye nenkokheli yaseSousse eTunisia uNabil Ferjani. Ezona zinto zingundoqo abavumelene ngazo zezi zilandelayo; bazakusebenzisana kwezolimo, imfundo, urhwebo noshishino gabalala.
Inkulu baphathiswa izakuphinde intingele kwilizwe laseJiphethe nalapho izakushukuxa imiba eliqela ekuquka kuyo ushishino lwezolimo emanzini(Aquaculuture) ngabula makhumsha.
Kutyelelo lwakhe uhamba negqiza labaphathiswa ekuquka kulo uMphathiswa kwiSebe lezophuhliso lwamaphandle kunye nolimo eMpuma Koloni uNonkqubela Peters.
Iphondo leMpuma Koloni alishiyekanga lodwa nanjengoko Iikhona ibambela nkulu baphathiswa ngalomzuzu uMphathiswa kwiSebe lokuhlaliswa koluntu uSiphokazi Mani-Lusithi nofungiswe njenge nkulubaphathiswa yexeshana eBisho.
Kulindeleke ukuba inkulu baphathiswa yephondo igaleleke kweli loMzantsi Afrika ngomhla wamaShumi amaBini ananye(21 kweyoMsintsi) kulo umiyo.