RHAFU – Inkundla ephakamileyo yeli loMzantsi Afrika kwicandelo elikhethekileyo apha kwiphondo leMpuma Koloni igwebe uSiphosethu Simons(26) isigwebo sobomi entolongweni. Le nkundla ayanelanga nje sesisigwebo yaphinda yamthi jwaxa ngeshumi elinesihlani(15) sokudlwengula amanina amabini nokuwakhuthuza.
Inkundla imjwaxaze ngeminyaka elishumi(10) ngokuthi adlwengule umntwana oneminyaka elishumi elinesithathu(13) kunye neminyaka emihlanu yokukhuthuza.
Leminyaka elishumi elinesihlanu(15) izakuhamba ngaxesha-nye nesigwebo eso sobomi ethothoza kwezimnyama kunjalo nje eqamele ngenqindi.
U-Simons urhityelwe ziziphumo zolibo-fuzo(DNA) kuwo onke amatyala abetyatyekwa ngawo nangona nje yena ebekhanyela kwaye engafuni ukuwadiza amagama wabo bantu bebemncedisa ekwenzeni lo mkhuba.
Ngomhla weshumi elinanye kwinyanga yeNkanga ngonyaka ka-2016 intombazana eneminyaka engamashumi mabini anesiXhenxe(27) yayizihambela kufutshane nebala lebhola kwilokishi yase-Umasizakhe kwisithili saseRhafu ngexesha idibana neembila zithutha kuba uSimons wayinqakulela apho.
Wacela ukuba imphe icuba, kodwa zange ayinike nethuba lokuphendula kwisicelo sakhe wafaka esinye isecelo sukuba imkhaphe batshone apha esapha. Ithe yakungavumi le ntokazi wayitsala ngenkani eyibambe ngeempahla wayintlofuza ngamandla esebenzisa isikhuseli(Condom) emveni koko wayilahla kwalapho kwindawo yexhwayelo.
Intokazi leyo emveni kwentlofu-ntlofu yabaleka yayakubikela amapolisa nalapho amapolisa aye athatha esasikhuseli sasiwa kwindawo ekwenziwa kuyo ulibo-fuzo(DNA).
Enye intokazi wayinqakula ngomhla weshumi elinesibini(12) kwinyanga yoMnga ngonyaka ka-2020 ngexesha yayisendleleni eya kwiqabane layo eTyoksville. Le dyongwana yanqakula ixhoba layo yaqabela nalo kwintaba yelokishi yaku-Umasizakhe nalapho wafika wazenzela kulomhlaba ungezantsi emveni koko wacela kwabanentsente.
Le ntokazi yaleqa emapoliseni yavula ityala lokudlwengulwa nalapha ulibo-fuzo lwangqamana nesiganeko sodlwengulo lokuqala.
Emveni kokuba enqakulwe ngamapolisa zonke iziphumo zolibo-fuzo zangqamana nawo omabini lamatyala.
Intloko kwigunya-bantu lezotshutshiso ephondweni uBarry Madolo uqhwabele izandla umtshutshisi welityala uSiebert Baartman kwakunye nomcuphi welityala uValomia Abrahams ngengqokelela yomsebenzi omhle abawenze ngokubambisana ekuziseni ubungqina obuluqilima phambi kwenkundla kaMantyi.