MTHATHA – Intombi encinci yaseMthatha kwingingqi yasePolice Camp kude kufuphi naseChrishani ibuye ibobotheka luncumo phesheya kwezilwandle.
U-Sibulele Thando Bottoman oneminyaka esiXhenxe(7) kuphela ubudala wenz’ amahololo emncinci enjalo. Le ntombi ifunda kwisikolo i-Faith Primary School iye yantilengela kwilizwe laseThailand kwidolophu yaseBangkok phesheya kolwandle.
Wena ulibele kuwelana neNciba, uMdumbi, uMzimvubu nomlambo uMzintlava, le intombi yona iwele amazwe ngamazwe iyomela uMzantsi Afrika nephondo leMpuma Koloni.
Uqale ukungenelela oonobuhle eneminyaka nje emihlanu(5) ngonyaka ka2021 ngexesha ezibandakanya neBright Stars Academy School phantsi kwesandla somqeqeshi wakhe uLihle Qina kwidolophu yaseMthatha.
Ngonyaka ka2022 waye wangenelela oonobuhle”Miss Buyelembo” kodwa ngelishwa lomhluzi wamanqina wakha phantsi isitya sigcwele.
Esazi nje uSibulele Bottoman ukuba umzingisi akanashwa uphindile wangenelela uMiss Anchor S.A, uye waphumelela apho ebamba isicoco njengekumkani-kazi(Queen) ephumelela emagqabini.
Emveni koko kwasetyenziswa ubuso bakhe njengonozaku-zaku (Ambassador) ye’Petite Idol’. Bonke oontanga ndini bakhe bashiyeka balenceza ngelirhala kuye.
Ngomhla weshumi elinesithathu(13) kwinyanga yeThupha ungenelele uMiss ‘Teen Super Globe S.A’. nalapho ubaqhumisele ngothuli bonke abo ebekhuphisana nabo ephumelela njengeKumkani-kazi(Queen).
Yilonto kanye eye yambeka kwithuba lokuba antingele eThailand kwidolophu yaseBongkak esishiya sithe gcaa amazinyo kwelilizwe.
Ngomhla weshumi elinesithoba kwinyanga yoMsintsi kanye ngelixesha simanxada-nxada sikhana nemifuno, sisitya iinkxoxha nemicuku silungiselela usuku lwamagugu, yena ezakhe izithende bezijonge ngasemva, iinzwane zijonge phesheya kolwandle eThailand.
Ufike akaqhelisela naphaya waphumelela gqathu.
Ngomhla wamashumi amabini(20) edinwe enjalo uqabele eqongeni wasadula econdoba unontombi kuhle kwenja ibe amaqanda. Ubuye sele eyintshatsheli emveni kokuba ephumelele i”Junior Model International First Runner Up”.
Abazali bakhe abawuvali umlomo luvuyo, oku sikuqwalasele ngexesha sincokola notata uNdibulele Bottoman kunye nomama womntwana uNondzameko Bottoman.
Nangona kubenzima ukufumana inkxaso kuMasipala wase King Sabata Dalindyebo kodwa ibandla i-St Andrew’s Anglican Church eNgangelizwe, Inkampani yonogada uTyeks kunye namalungu wosapho ibenzele lula izinto wahamba umntwana.