eMTHATHA: Kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi yaseMthatha umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala ngoMvulo, umhla wethoba kule imiyo. Oku kwenzeke emva kodubulana kwabarhanelwa namapolisa ngaphandle kwaseMthatha.
Othethela amapolisa aseMthatha uWarrant Officer Majola Nkohli uthi, “omnye wabarhanelwa udutyulwe wabhubha logama abanye bekwazile ukucela kwabanentsente.” Uthi oku kwenzeke kubusuku bangoLwesihlanu esisuka kuye ngethuba amadoda amane nabexhobe ef’amacala engena kwivenkile ethile, akhomba wonke umntu ngemiphu ebayalela ukuba balale phantsi.
“Izinto ezithe zathathwa koluphango, ziquka imali, iminxeba ephathwayo (cellphones) kunye nebakkie yomnikazi shishini”, utshilo uNkohli.
UNkohli uthi amapolisa alele ekhondweni lezigilamkhuba, nalapho luqalise khona udubulwano.
Amapolisa ayifumene imali, iminxeba ephathwayo (cellphones) kunye ne-bakkie kasomashishini, ekwathimba nemoto ibihamba abarhanelwa eluhlobo lwe-Toyota Avanza.
UNkohli uqwele ngelithi, iinkcukhacha zomfi oneminyaka engamshumi amathathu anesihlanu, azikabi nakupapashwa okwangoku.