eTLOKOENG – Inkundla yenqila yaseTlokoeng (Mount Fletcher) ithe yagweba umphambukeli waseLesotho uKatleho Mpakanyane oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala. Le dyongwana igwetywe udilika jele ngokudlwengula, iminyaka elishumi elinantlanu (15) ngokuzama ukubulala kunye neminyaka emihlanu (5) ngokuqhekeza ngenjongo zokonzakalisa.
UMpakanyane ebehlala kwisixeko iQuthing Mangolweneng eTlokoeng, nalapho ebexelenga njengomalusi wemfuyo. Ngokuhlwa kwangomhla wesixhenxe (7) kwinyanga uCanzibe kulo umiyo, ixhoba lalizihambela lisuka kwindawo yentselo yasekuhlaleni. Wathi xa efika ekhayeni lakhe wakhumbula ukuba izitshixo zakhe zisebumelwaneni, kuthe ngaphambi kokuba ade abe kanti ufikile apho ebesiya khona, weva ngomntu emxhakamfula evule nele ibhoso/imela wabe eyibeke entanyeni yexhoba elo.
Lo nqevu waqalisa ukuhlaba ixhoba emqolo waza wamtyhala wayokuwa ngesisu, waza wamguqula emjongisa phezulu nalapho engayekanga ukumxhimfa ngesikhali emhlaba ebusweni nasentanyeni, emveni koko wampampatha ixhoba wafumana unomyayi wawuthatha wacela kwabanentsente.
Uphando lwabakwantsasana lukhokelele kuMpakanyane, noye wavuma ityala kwiziganeko zontathu. Umtshutshisi wenkundla uZonke Maranjana, udandalazise elubala ukuba akunabakho sizathu siphathekayo esinokubangela umntu afikelele kwisigqibo sesenzo esikumila kunje, kwaye ufanelwe sisigwebo esiqatha. Umtshutshisi ukwabongoze inkundla ukuba igwebe ngodilika jele kwisiganeko sokudlwengula. Ijaji yeNkundla neNqila uSello Mokotjo, uvumelene nomtshutshisi kwisigwebo sobomi esiseleni kunye neminyaka engama-20 ukwangeza kwisigwebo eso. Umbexeshi ntloko wegunya bantu lezotshutshiso (NPA) eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele isigwebo ekwancoma umtshutshisi nabaphandi kwelityala ngoku ngcambazisa elityala kude kube kanti umthetho udlala indima yawo ekugwebeni isikrelemnqa.