ESKOM – Iqumrhu elinkinkisha umbane uEskom liphehlele isinika-maxabiso sezigidi zeerandi kuphawu olutsha lenkampani kunye nolunye uguquguqulo lenkampani.
Uxwebhu lesisiniki-maxabiso sakwaEskom lugxininisa ukuba lenkampani idinga ukuguquguqula inkampani ngaphakathi kunye nolunye utshintsho lokuphehlwa kombane, ugqithiso kunye nokuhanjiswa kombane.
Eliqumrhu licele ii-arhente ezithile ezisebenzisana nalo ukuba zifake izicelo ukuba ziphuhlise kwaye zifake izazisi zenkamapani zazo;
• National Transmission Company of South Africa
• National Distribution Company of South Africa
• Potential Eskom NewCo
• Any other Eskom Group of companies in the future
Nangona amaxabiso engakatyekezwa, uEskom ucele lamaqumrhu ukuba alungise imali engange R5 million iqumrhu ngalinye kuthethwathethwano zawo.
Esisiniki maxabiso sizokuquka ubuxhakaxhaka bonxibelelwano, indlela yokuthengisa kunye nobunye ubuxhakaxhaka bonxibelelwano(online assets).
Iindleko zeliphawu kunye nokubukeka kakutsha kweliqumrhu zezimodeli isesisiqalo seziphumezo.
Ukwenza olutshintsho loluphawu kuzokunyanzekeleka ukuba zonke izakhiwo zakwa Eskom zitshintshwe oluphawu, kumaqonga wonxibelelwano kunye ne intanethi kuquka namaphetshana kunye namaxwebhu nakwezinye izinto ukanti yonke lonto izokuxabisa iindleko ezinkulu.
UGhaleb Cachalia wombutho wezopolitiko iDemotractic Alliance(DA) kuZwelonke usikhaba ngamanyawo omane esisigqibo sikaEskom,
“Bubuvuvu obu bucingwa nguEskom kwaye ngamampunge lana awenzayo le projkthi ayizukulizisa tuu utshintsho kungxuba-kaxaka wocimi-cimi wombane esijongene nawo eMzantsi Afrika,” utshilo.
Oka Cachalia wongeze ngokuthi oluphawu alizukuncedisa tuu kubathengi bombane abasokolayo ekuthengeni umbane onamaxabiso axhume kakhulu.
Umbutho weDA uhlaba ikhwelo kwibambela elingu somaqhuzu kwaEskom uCalib Cassim ukuba arhoxise esisiniki maxabiso sichitha iindleko zenkampani kungekudala.
Oka Cachalia uqoshelise ngelithi ezizigidi zemali eliqumrhu liqweba ukuzichitha zingachithwa kwenye indawo hayi koluphawu.