EMONTI – Umfundisi uZolile Gqaliwe Samuel webandla i-SRWC ezinze kumhlaba wase-Duncan Village eMonti, ngoMgqibelo umhla wama-28 eyeDwarha 2023 ebesingathe umsitho eOrient Theathre. Lo msitho uncedisana nokunyusa ingxowa-mali yokunceda abantu abagaxeleke kwiziyobisi phantsi komasipala ombaxa waseBuffalo City eMonti.
Lo mbono wokunceda abantwana abasebenzisa iziyobisi ufike kuMfundisi uSamuel ngethuba esakhela umama wakhe indlu eMdantsane, nalapho kwathi kwabiwa iintambo zombane kunye nemibhobho yamanzi. Oonqevu ke abo benza obububi baye babanjwa liqumrhu elilwa ubundlobongela basekuhlaleni baze batywatyushwa besohlwayelwa izono zabo. Uthi ke umfundisi yaba ngumbono ombi lo wokubethwa kwabantu njengokuba nezibhalo ezingcwele zisitsho ukuba asibuyiseli ububi ngobubi.
Emveni koku, waye wazibona enoxanduva lokuba angcambazise abantwana abasebenzisa iziyobisi, ekuthetheni kwakhe nabo ufumaniseke ukuba uninzi lunqwenela ukuphuma kuzo kodwa imali yokubhatala amathala endawo zoluleko lweziyobisi ayikho.
Umfundisi uZG Samuel uthi, “Umnqweno wam kukuba noko ngonyaka makuhlanguleke abantwana abahlanu kulo mbulalazwe, ukuba thina siliziko iZG Foundation singabhatala umyinge wama-80% usapho lubhatale ama-20%, umntwana ancedakale, sikweliphulo ukwenzela nokuba usapho aluphumeleli ukukhupha lo myinge sivele siyibhatale yonke.”
Iziyobisi zilibulele ikamva labantwana neentsapho ezininzi, kwaye abantu abazisebenzisayo benza izinto bengaqondi, abantu ke abafana noMfundisi uZG Samuel, babuyisela isidima somntu omnyama basaphila ngendebe endala ethi, “isandla sihlamba esinye.”
Eliphulo lizakuqhuba liqala apha eMonti, nangona iphupha lika Mfundisi ikukuba ancede wonke umntu ogaxeleke kwiziyobisi kodwa ke ipokotho ayitsho, MAKUSINDE UMNTWANA OMNYAMA NOBA MNYE NGEXESHA.