BCMM – UMasipala ombaxa waseBuffalo City ukhuphe ookracaza bemoto ezintsha zakwaVolks Wagen(VW) eziluhlobo lwe GTIs ezikumgangatho ophezulu ezinyusa izinga lokuhanjiswa kwenkonzo kuMasipala kunye nokwehlisa izinga lolwaphulo mthetho kuMasipala.
Unobangela wonikezelo lezinqwelo kukuveza kokuxhaphaka kwamapolisa kwisiXeko, ukuqanda ulwaphulo mthetho kunye nokwehlisa izinga labantu abaswelekayo ezindleleni.
“Ezinqwelo zizokusebenza mbombozone zesiXeko saseBuffalo City ukugxininisa zizokusebenza ukuzityanda kuhola wendlela uN2, R72, N6 kunye nakwezinye iindawo. Ukuthenga kwethu ezimoto sibone ukuba iimoto zethu esinazo hayi khona kudala zikho, kwaye senyusa izixhobo zoMasipala ukwenza ngoluhlobo,” utyekeze watsho uCeba uHelen Neale-May noyintsumpa kwipotifoliyo kwezokhuseleko lasekuhlaleni kuMasipala ombaxa.
Ukungeza oka Neale-May uthe, “Ezimoto zikowona mgangatho ophezulu kwaye kwaye zinobuxhaka-xhaka balemihla obukuqondo elona lakhe laphezulu. Ubuxhakaxhaka obusetyenziswa ngezimoto buzokuveza abo babalekisa ngesantya esingapha komlinganiselo ezindleleni, abo bangarhafiyo kunye nabo basalindele ukuvalelwa ngapha kwezitsixo”.
UNeale-May ukwabongoze abasebenzi abazokusebenzisa ezimoto yanga bangazisebenzisa ngendlela enenkathalo.
USodolophu woMasipala ombaxa waseBuffalo City uCeba uPrincess Faku ukuvuyele kakhulu ukuthengwa kwezimoto nangoko sele kusondele ixesha leziyunguma zonyaka, oka Faku ungqinile ukuba ezimoto zizokusebenza kakhulu ngexesha leziyunguma.
“SinguMasipala sizimisele kakhulu ukugcina ungcwangco ngexesha leziyunguma, kaloku iBuffalo City yindawo yezokhenketho ngexesha leziyunguma ukhuseleko kufuneka luqine kwaye lubeluqilima,” Faku.
Lemigrugra yezimoto zakwaVW iphehlelelwe ngomhlwa we26 kweyeDwarha 2023 eEsplanade, eMonti.
USodolophu ukwabongeze abaqhubi ukuba baqhube ngononophelo kunye nenkathalo kwaye bangaqhubi bephantsi kweempebeleko zokusela iinyembezi zikaVictoria.