EMONTI – Kutyholwa ukuba umfundi onyathelwe yinqwelo yamapolisa, ebizwa ngokuba yi-‘Nyala’ ngexesha amabhokobhoko ebekhenketha nendebe yombhoxo eMonti, uswelekele esibhedlele.
UMinentle Noqhamka(20), nobengumfundi kwaNokholeji uye wonzakala emveni kokuba kutyholwa ukuba inqwelo yamapolisa iNyala iye yamguba umlenze kukhento lendebe eMonti.
Iingxelo zidiza ukuba uMinentle ulandulele eli ngoLwesibini kule veki, eswelekela kwisibhedlele saseFrere eMonti.
Umbutho wombhoxo eMzantsi Afrika ugqithise amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo, ekuswelekeni kukaMinentle, “sigqithisa amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo kusapho kunye nakwizihlobo zikaMinentle”. Uthethe watsho uMongameli walombutho uMark Alexander.
Ukongeza iNyala imgube uMinentle ngexa amapolisa ebezama ukukhapha iqela lamabhokobhoko esingise kwiholo lesiXeko.
Ukanti iNkulubaphathiswa yephondo uOscar Lubabalo Mabuyane ugqithise amazwi ovelwano, ” sithi ngxe kusapho lakwa Noqhamka.”
Amabhokobhoko aphumelele indebe yombhoxo yehlabathi emveni kokuba ebethe iNew Zleand ngomhla we 28 kweyeDwarha eFrance, uMzantsi Afrika lilizwe lokuqala lokuphumelela indebe yombhoxo yehlabathi amatyeli amane.