TSOMO- Elinqaku lingabaphatha kakubi abo banentliziyo ezibuthathaka.
U-Linda yintwazana eneminyaka elishumi elinesithanduthu(16) kuphela ubudala. Yinzalelwane yelali yakuNtsume kwingingqi yaseNgcongcolora.
Le ntwazana ibinenyanga ezine(4) ikhulelwe.Olusana ludibene neembila zithutha kwakunye nenyoka iphunga umhluzi ngexesha ibikwindlela eya okanye ebuya kwiziko lezeMpilo kwalapho eNgcongcolora.
U-Linda ubefunda ibanga leshumi eTsomo High ngexesha lokulahlekelwa kwakhe bubomi.
Uye akabuya ekhaya kulapho amadoda welali aye ahlaba umkhosi, akubanga ntsuku zatywala wafumaneka umzimba wakhe udunduluze usizi lwento ethafeni kude kufuphi netyholo elikufutshane.
Uhlatywe kulomzimba ungasentla, ibhoso elo layakugqobhozela kumntwana lowo ubemkhulelwe. Ibhoso ahlatywe ngalo liye labekwa kufutshane nomzimba wakhe ligcwele igazi.
Usapho lwakhe lumphica nasezicithini umbulali walentyantyambo kwaye apho avele khona uzakuyibeleka ikrwempa.
Olusapho luyadomboza, luleleza, lucengana nawe ukuba uphose esivivaneni lonto ukwazi ukuyiphosa nanjengoko ikati ilele eziko kwelakhaya.
Xa umntu enomnqweno wokufaka lonto anayo angachwetheza bucala kweliqonga kungenjalo ancokokole notata uPetros Majola weKhula Community Dev. Project EC kumakhasi wezonxibelelwano.
Sisikelelekile isandla esiphayo kuneso siphiwayo, Inimba mayibenye bafazi.