MTHATHA- KwaXhosa isithethe sidala sinenkqayi kwaye nesiko lineendevu, azigqubi esibayeni esinye.
Kudala kwabakho ukugxeleshana ngezikhondo zamehlo phakathi koyise nonyana ebhotweni kubukumkani babaThembu kwindawo yaseBumbane.
Kuyacaca kona ukuba isonka sikaAzenathi Zanelizwe Dalindyebo sasiqatywe kamnandi kwaye ibhotolo yaseBhotweni yayinencasa.
Nawukhumbula ukuba kwaye kwabakho ukrwempa-krwempano, ungquzulwano, nempixano ngexesha elinzima apho uyise kaAzenathi wayejongene nemiceli mngeni eliqela kwiinkundla zamatyala.
I-Kumkani yanika umyalelo kwisithethi sayo esinguPrince Mthunzi Ngonyama ukuba aye esidlangalaleni axelele uluntu ukuba lo unguAzenathi lilahle, kuba zazikho iimpawu ezithile iKumkani eyaziqaphelayo, neempukane eziluhlaza zakudiza bucala oko. Lo mpoposho wavakala ngomhla weshumi elinesithathu(13) kwinyanga kaCanzibe ngomnyaka ka2020.
Ezinye zezinto ezaziyisusa esihlalweni intliziyo yekumkani
lushicilelo olwaluthe tshitshilili kumakhasi ezonxibelelwano apho lo ungunyana kaKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo wayesithi, “Sisonka sam esi nabantwana basekhaya, ukuba utatomncinci ufuna isonka makatsho kum ndimsikele”.
Emveni koko kwabakho ingxokolo neyakhokelela ekubeni kuyokwenziwa ulibo-fuzo ngakwesisibini ukuze kucace ukuba ingaba lo mfana wesonka nguye ngenene nangenyaniso unyana kakumkani uZwelibanzi.
Namhlanje umhla wamashumi amabini(20 kweyoMnga 2023) ngentsimbi yokuqala emini maqanda wonke amajelo weendaba azakungungelana kwi-Shoes Guest House Conference Centre kwidolophu yaseMthatha nalapha kuzakumanyelwa ingxelo malunga nento yokuba ngubani utata kaPrince Azenathi Zanelizwe Dalindyebo.