MTHATHA- Izolo umhla wamashumi amabini(20) kwinyanga yoMnga kulo umiyo bekukhwetywe imbizo yonondaba eShoes Guest House Conference Centre kwidolophu yaseMthatha.
Injongo yalentlanganiso ibingeziphumo zohlolo-fuzo(DNA) phakathi koyise nonyana ebhotweni kubukumkani babaThembu kwindawo yaseBumbane.
Phakathi kwezinye zezinto ezingunobangela walempixano bubumnandi besonka esangcanyuliswa u-Azenathi.
Ngenxa yobumnandi baso kwaye kwacaba ufuna ukusitya nabantwana bakowabo bodwa ze utata wakhe amqhekezele.
I-Kumkani yanika umyalelo kwisithethi sayo esinguPrince Mthunzi Ngonyama ukuba aye esidlangalaleni axelele uluntu ukuba lo unguAzenathi lilahle, kuba zazikho iimpawu ezithile i-Kumkani eyaziqaphelayo, neempukane eziluhlaza zakudiza bucala oko. Lo mpoposho wavakala ngomhla weshumi elinesithathu(13) kwinyanga kaCanzibe ngomnyaka ka2020.
Emveni koko kwabakho ingxokolo neyakhokelela ekubeni kuyokwenziwa ulibo-fuzo ngakwesisibini ukuze kucace ukuba ingaba lo mfana wesonka nguye ngenene nangenyaniso unyana kakumkani uZwelibanzi.
Ulibo-fuzo ngokwenene luye lwafundwa kwaye lungqinile ukuba ngenene nangenyaniso u-Azenathi ngunyana wekumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo nonina uBuyiswa Majiki.
Ukusukela ngoku ukubheka phambili kuzakukhangelwa isisombulo esizakuba ngumkhomba-ndlela wokubheka phambili kubekwe impixano ecaleni.
Esisibini besingaboni ngosonye kwinto yonke enokwenza nobukhosi nto leyo eyamenza ukumkani abenezintsolo ngokubhekiselele kule nyewe ibishukuxwa namhlanje.
Ngexesha ikumkani isiya eluvalelweni konyulwa u-Azenathi ukuba abelibambela kumkani. Uyenzile lonto iminyaka emithathu(3) ukuya kwemine(4) kodwa uye wafuna ukuncamathela esikhundleni xa sele kufuneka ephumile.
Wabanamazwi athi ukuba uyise nawayembiza ngokuba ngu “Tatomncinci” wakhe ngelo xesha xa efuna isonka sakhe nesabantwana bakowabo makacele kuye khon’ ukuze amqhekezele.
Iziphumo kwinto yonke ethe yahlolwa ziphume zisithi 99.999%, nto leyo ethi uAzenathi Zanelizwe Dalindyebo ngunyana kaBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo.