MTHATHA – Idolophu yaseMthatha yenye yeedolophu ezigcwele imiguvela, amaphara noonqalintloko.
Xa uzakuhamba ngesithuthi kwidolophu yaseMthatha neziphaluka kufuneka uqiniseke ukuba awuhambi wedwa kwinqwelo yakho kwaye uzivale iiFestile zenqwelo-mafutha yakho noba ligqatse ubhobhoyi.
Izaphuselane zaseMthatha aziyonqeni nakancinci into yokuhlaba umntu xa zingayifumananga lento beziyifuna kwaye yintlahla yakho ukuba zikushiye usaphila.
Lemigqutsuba yamakhwenkwe anezinxenxe ayinabusuku ingenamini, iyasebenza qha kwaye ayithanga nqa kubethwa ngabahlali.
Ukuxhonyiswa kwezithuthi, ukoxuthwa kweemfono-mfono nemali, ukuxhwilwa kwabantwana kuyothengiswa ngabo emazweni nokuthathwa kwamavili wezithuthi, sisonka semihla ngemihla kuledolophu.
Nazi ke ezona ndawo zinobungozi kakhulu kuledolophu neziphaluka zayo ekufuneka ubaze amehlo xa uhamba kuzo.
Bypass yaseMaiden farm, iiRobhothi zaseNorthcrest, eQokolweni, kuR61 phakathi koMthatha neLibode, kwibhulorho yaseVidgesville, kwigaraji yakwaShell kwisitalato saseMadeira, kwiiRobhothi zaseFortgale nasegaraji, edamini eMthatha, phantse kuzo zonke iindlela ezidibanisa izitalato zasedolophini, kwigaraji yakwaDan’s Country Lodge phakathi koMthatha noTsolo.
Ngelixesha leziyunguma, nina ke enithi yinyanga kawayidlokova nibajonge abantwana, kunjalonje nibabambe ngesandla kuba ezizikrelemnqa zihambele kubo. Qiniseka xa uyongena kwababhaza-bhaza beevekile ukuba ushiya kukho umntu kwinqwelo-mafutha yakho.