Amapolisa aseRhafu aphanda ukulahleka kuka Dineo Mosala.
Othethela amapolisa oMzantsi Afrika ephondweni, uKoloneli uPriscilla Naidoo, uthe uMmangali, noliqabane likaDineo, uLungani Duma akazange afake ngxelo malunga nokulahleka kwentombi yakhe emapoliseni. Uqhube wathi, “amapolisa akwazile ukumfumana lo kaDuma ngentsasa yayizolo, netyala lokulahleka komntu livuliwe.
UMosala lo uphuma kwiphondo laKwaZulu-Natal, ebezekubona umhlobokazi wakhe ohlala kwisitalato iZamaville, Umasizakhi eRhafu. UMosala uye wanyamalala ngentsasa yomhla wama 27 kuTshazimpuzi, endlini yomhlobokazi wakhe. Iqabane lakhe, uDuma ngaxeshanye ebesendleleni esuka ePietermaritzburg, kwiphondo laKwaZulu-Natal lizakuncedisa ukufunisa ngoDineo.
Ukunyamalala kuka Dineo benziwa nzulu ngakumbi emva kwezityholo zokuba igazi lakhe kwakunye nezinye impahla zakhe zibonwe ebumelwaneni bomzi ebefikele kuwo eRhafu. NgoLwesithathu umhla wesithathu kuCanzibe(03 May), uDuma uqhagamishelene ne Indaba Community News ebalisa ezindaba zothusayo.
Ubalise esithi, “umhlobokazi ka Dineo undixelele ukuba kukho indoda yasebumelwaneni efike yathatha uDineo malunga nentsimbi yesithathu ekuzeni-kusa kwangomhla wama 27 kuTshazimpuzi. Uthe ngosuku olulandelayo baye babona kuvulwe umnyango kwammelwane, baze babona phantsi igazi nezinye iimpahla zikaDineo ecaleni kwegazi elo.”
Igama lalommelwane, nelomhlobo ka Dineo laziwa ngabe Indaba Community News, kwaye awanakubhengezwa esidlangalaleni ngelixa uphando lusaqhubayo.
Kuyacelwa kuye nabani na onolwazi malunga nokulahleka kuka Dineo aqhagamishelane nesikhululo samapolisa aseRhafu kule nombolo: 049 807 1100 okanye abhalele iqabane lakhe uLungani Duma kwikhasi lonxibelelwano uWhatsapp ku 063 495 4989.