ESKOM – Iizitishi eziphehla umbane zikaEskom kukhangeleka zisebenza kakuhle, inyanga iya eyisiphelweni oko umbani uqhuba kakuhle kwiindawo eziliqela.
UMphathiswa weSebe lezoMbane uKgosientsho Ramakgopa ethetha noonondaba ngoLwesine, ungqishe ngomlenze engqina ukuba ngelixesha leziyunguma umbane awuyi ndawo.
“Ngelixesha leziyunguma akukho sidingo sokukhanyisa amakhandlela, umbane uzakusebenza kude kubengu 2024,” utshilo uMphathiswa.
“Nangona inkqubo yokuphehla umbane ingazinzanga kodwa kwiintsuku ezingaphezulu kweshumi elinesine sizingomba isifuba oko umbane usebenza kakuhle,” Ramakgopa.
UMphathiswa ungqinile ukuba ukulungisa iqumrhu likaEskom isengumqobo wabo.
U-Eskom uqweba iqhinga lokubuyisela umbane opheleleyo eluntwini, eliqumrhu liqweba ukuzusa umthamo wombane ongango myinge ka60% xasele kuqwelwa inyanga yoKwindla 2024. Ukanti ngonyaka ka2025 ngenyanga yoKwindla umyinge ka65% kulindeleke ukuba aqosheliswe.
Ukongeza uRamakgopa ungqinile ukuba banoxanduva lokuqinisekisa ukuba umbani ugcwele ngokwaneleyo.