EMONTI – Namhlanje lusuku ekudala lujongwe ngamehlo abomvu nanjengo uBulelwa ‘Zahara’ Mkutukana ezakubekwa kumadlaka ooyise-mkhulu.
ULumka Mkutukana ongusisi omdala kaZahara kunye noBandezwa Mkutukana bencokola nonondaba baphokoze imbilini yabo bekwazoba indlela aqaqadeke ngayo uMpho Xaba ozibiza ngokuba ungumyeni kaZahara.
Ngexesha lokuzila nelinzima kakhulu kusapho lakwaMkutukana uMpho Xaba ubenanazela kwela Goli efaka izicelo-mali zokungcwaba(Claims), efuna isiginci kaZahara kunye neendebe ezaphunyelelwa yilemvumi yakwaMkutukana.
U-Lumka noBandezwa bancoma nendlela unina kaMpho abathuke ngayo belolasapho. Eyona nto yenza umnqa nebakhathaza kakhulu yile yokuba uMpho ubengekaloboli nanjengoko wayefikile kuqala ephethe imali encinci kakhulu.
Yayingabantu ke abazakuphinde babuye ukuze kuqhutywe umcimbi welobola. Ebhubha nje uZahara bekungekabikho zingxoxo ngokuphathelele kudaba lwebola nanjengoko babejikisiwe ngenxa yobuncinci bemali.
Bebeyiva ke apha esithubeni nakumaqonga ezonxibelelwano ukuba lo unguMpho Xaba uzingomba isifuba esithi ungumyeni kaZahara nto leyo bona bangayaziyo.
“Ngokwesithethe nesintu sakwaXhosa indoda ibangumyeni xa kuvunyelwene ngelobola kwaye ziqukunjelwe zonke iingxoxo”, batshilo.
Ingaba uMpho Xaba uzakuya kulo mngcwabo kusini?
Namhlanje iyaqala inkonzo yomngcwabo kaBulelwa ‘Zahara’ Mkutukana ngentsimbi yeshumi(10h00), izakuqhutyelwa kwiziko lengqungquthela zamazwe ngamazwe kwidolophu yaseMonti.
Kundeleke uMphathiswa weSebe leZemidlalo iNkcubeko kunye noBugcisa uZizi Kodwa, inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane, iinkosi nezizakukhokelwa nguBambilizwe Xhanti Sigcawu, iimvumi, abahlobo bakaBulelwa njalo-njalo.