COFFEE BAY – Iya ixhalabisa nangakumbi imeko eCoffee Bay, oku kuza emveni kwezikhukhula ezigubungele lammandla neziphaluka.
Le ndawo inomntsalane kubakhenkethi, iphantsi koMasipala wasekuhlaleni i-King Sabatha Dalindyebo kwisithili saseO.R Tambo.
Nanjengoko ilixesha leziyunguma, ulonwabo neminyhadala akubonakali ngathi izawukwenzeka lonto eCoffee Bay. Iimvula egalela ngamandla igubungele imilambo, amachweba, iintili imiwewe namaxethuka kula ngingqi.
Xa ugugutha unxweme usuka eCoffeebay uya kulwandlwe lwaseMthatha Mouth, Mdumbi Back Packers, Mngcibe, Presley Bay naseHluleka. Phantse zonke ezindawo ziyachaphazeleka zizandyondyo zemvula kodwa abantu abathanda ulonwabo bazikhuphe ngayo.
Phantse lonke iphondo leMpuma Koloni ligutyungelwe yomvula ena ngamandla. Ulwandle oluthandwa kakhulu ngabantu ngelixesha leziholide aluzukuvulwa kwaye kuyacelwa ukuba abantu bahambele kude nalo. Neebhulorho zigcwele akuhambeki.
Abantu ke kuzakunyanzeleka baxoze mphini-wumbi nanjengoko imeko isiya ibamaxongo.