DUTYWA/MTHATHA – Nanjengoko imvula igalela ngamandla ephondweni leMpuma Koloni, iziphumo neziqhamo zalonto kukufa.
Yintlavubela yengozi eyenzeke phakathi koMthatha neDutywa ngalenjika-langa yanamhlanje umhla wamashumi amathathu ananye(31) kule yoMnga 2023.
Zinqwelo-mafutha ezimbini ezintlithene okweenkunzi zegusha kuhola wendlela uN2 kwisithuba sentsimbi yesine(16h40).
Yinqwelo-mafutha eluhlobo lweToyota Fortuner kunye neFord Kuga. KwiToyota Fortuner ibingabakhweli abathandathu(6) kwaze kwasweleka wamnye(1) yabe kwiFord Kuga ibingabakhweli abahlanu(5) nababhubhe bonke bebhubhela kwindawo yexhwayelo.
Lonto ilibeke kwisithandathu(6) sabantu inani labantu ababhubhele kwindawo yexhwayelo.
Elinenani lisenako ukunyuka nanjengoko kusenyeke-nyeke kwaye aboncedo lokuqala bamanxada-nxada bezama ukuqwabulula ezinqwelo-mafutha zimbini.
Okwangoku unobangela walengozi ubungekacaci nanjengolo kusaqhutywa nophando, kodwa imozulu embi kakhulu nayo inganalo igalelo.
Isithethi seSebe lezoKhuseleko u-Unathi Binqose uthi ezinqwelo zombini zibonakala sikwimo nomgangatho wokuba zibesendleleni kwaye nendawo le yenzeke kuyo ingozi intle.
uMpathiswa weSebe lezokhuseleko ezindleleni kwiphondo leMpuma Koloni uXolile Nqatha ugqithise amazwi wovelwano, ekwacengana nabantu ukuba baqhube ngenkathalo ngelixesha likaxakeka.