KIRKWOOD – Umfana waseKirkwood kwiphondo leMpuma Koloni phantsi koMasipala wesithili saseSarah Baartman, uCebo Majoka(26) ukhathazwa liliso lasekunene oko kwangomnyaka ka2021 kwinyanga yoMsintsi ukuzothi ga ngoku akancedakali ndawo.
Iliso likaCebo alisavaleki kwaye liyakhula umhla nezolo nto leyo emenza angakwazi ukuhamba emoyeni nanjengoko liye limqaqambele ngamandla.
Ngongenelelo lwetsha-ntliziyo kumalungelo wabantwana, uPetros Majola weKhula Community Development Project EC, kucelwa nabani na onokuthi afake isandla noba kungamayeza wokuthomalalisa eliliso okanye imali yokuya koogqirha babucala abaqeqeshelwe amehlo nezinye ke iindlela abantu abanganceda ngazo.
Oka Majola ucenga uluntu ukuba lucebise, luncedise khon’ ukuze umntwana wabantu afumane ukuphumla.
Iliso likaCebo layeka kudala ukucimela nto leyo emnika ubunzima xa kufuneka kufike ixesha lokulala.
Amaxesha amaninzi akasakwazi ukuhlala nabahlobo kuba abanye bayenza into yokuhlekisa imeko yakhe.
Ukuze akwazi ukubaphakathi kwabahlobo kufuneka afake amehlo wokuncedisa(Spactacles) ezimnyama nokwenza.
Xa unomdla wokuncedisa dibana ne-Ofisi kaPetros Majola kungenjalo unganxibelela nathi kwinombolo ezifumaneka kwelikhasi lethu lezonxibelelwano(Facebook).
Umntu, ngumntu ngabantu.