FLAGSTAFF – Ibingumbono ombi nongaqhelekanga kula ndlela emva kwemini kwisithuba sentsimbi yesithathu(15h00) umhla wesithathu(03) kweyoMqungu kulo umiyo(2024) kwindlela uT23 kude kufuphi naseRoskruge eFlagstaff.
Ngokwengxelo esiyifumene kwi- Ingquza Hill Local Municipality (IHLM) official.
Sisithuthi sikawonke-wonke esiluhlobo lweToyota Quantum nebesizama ukudlula kwezinye iinqwelo-mafutha, saze sahlangabezana nemoto yakwaMercedez Benz eluhlobo lweSeden nalapho ziye zantlithana okweenkunzi zegusha kwataka umswani ngaphandle.
Ukuzothi ga ngalomzuzu bekungekacaci ukuba bangaphi abantu ababhubhileyo, kodwa uninzi lwabo luye lwabalekiswela esibhedlele.
Yibanaloo mfanekiso umbi unjalo nanjengoko abakhweli bebethe tywa! phantsi, bengabonakalisi nakushukuma, bambi bengcangcela zintlungu ezikhatshwa yingqele.
Kwa inani labo balimeleyo besingekalifumani nanjengoko bekunzima kakhulu ukuqwabulula leToyota Quantum.
Amagosa wezendlela nabenkonzo zonyango olungxamisekileyo(EMS) bebemanxada-nxada bezama ukukhucula le ndlela khon’ ukuze kuhambeke kwindlela eya kwicala laseHoly Cross.
Ukuba kubekho ingxelo entsha esiyifumanayo ngokuphathelene nesisiganeko ngokuqinisekileyo sizakuniphakela zishushu.