NTABOZUKO (BERLIN) – NgoMgqibelo, icadelo elijongane nokuziphatha gwenxa kwamapolisa linqakule lavalela umlawuli wasikhululo samapolisa emva kwezityholo zokubulala ityendyana lomfo elimalunga nama 33 eminyaka. Elipolisa lineminyaka engama 42 kutyholwa ngelithi lincediswe ngamalungu weqela eligcina ucwango ekuhlaleni, Community Police forum ngelasemzini.
Ngokwengxelo, ipolisa eli belingekho mpangelweni ngethuba kusenzeka esisiganeko. Kutyholwa ngelithi umfi lona uqhekeze kwindlu yelipolisa waze wathatha ilaptop kunye nemfonomfono ephathwayo (cell phone) kwindlu yelipolisa.
Kutyholwa ngelithi umzimba kamfi uthe wafunyanwa kwindawo esesidlangalaleni, nalapho kutyholwa ngelithi ungonjwe kanobom, emveni koko wabulawa lomfo.
Isithethi secandelo elijongene nokuziphatha gwenxa kwamapolisa i-Independent Police Investigative Director (IPID), uRobbie Raburabu uthe, “ipolisa elineminyaka engama 42 ubudala libanjwe lavalelwa licandelo lakwa IPID malunga nezityholo zokubulala le ndoda iminyaka ingama 33 ubudala.
Esisiganeko senzeke kwilokishi yaseLingelihle, eNtabozuko (Berlin) kude-kufuphi naseQonce. Loka Raburabu uthe, elipolisa lizakuvela kwinkundla kamantyi yase Berlin kungekudala.