GQEBERHA – Ipolisa elinamava ngomsebenzi walo iminyaka engama-16, elisebenza enkundleni lexuthelwe umpu ladutyulwa losela phakathi eNkundleni kaMantyi yase Motherwell, eGqeberha ngomhla we 03 kuCanzibe.
Ipolisa elineminyaka eyi-42 ubudala belisenza umsebenzi walo njengesiqhelo eNkundleni, umrhanelwa ungene eNkundleni waxutha umkhono wekati kasajini. Umrhanelwa wadubula usajini entloko wasweleka ngoko na ngoko, esisiganeko senzeke ngentseni yangoLwesithathu malunga ngecala emveni kwentsimbi yethoba kusasa.
Umrhanelwa uye wacela kwabanentsente ngoko na ngoko uleqwe waze wabanjwa ngamalungu e-Eastern Cape Anti-gang unit ukanti umrhanelwa ufumene amanxeba.
Othethela inkonzo yesipolisa kuZwelonke uBrigadiya Antlhenda Mathe uthe,”amalungu eAnti gang aphendule kumyalezo ongxamileyo odiza ukuba kukho ikhumbi elayishe umntu onomkhono wekati. Kuye kwaqhuma udubulwano phakathi kwamalungu eAnti gang kunye nomrhanelwa, umrhanelwa uye wonzakala waze wabalekiselwa esibhedlele phantsi kweliso elibukhali lamapolisa.”
Umkhono wekati kasajini ongasekhoyo uye wafunyanwa ukanti akukhomntu wumbi ophinde wonzakala kwesisiganeko.
Ukanti elinye ipolisa liswelekele emfazweni eMonti ngoMvulo, losajini nobeneminyaka eyi 42 ebephendula kolunye uphango oluxhobileyo (armed robbery) nobelisenzeka eWest Bank, eMonti.
Ukuzokuthi ga ngoku akukabanjwa mntu, ngexesha lokusweleka kwakhe losajini ebesele eneminyaka engama 14 enamava njenge polisa.
Umkhomishinala wamapolisa kuZwelonke uNjengelele Fannie Masemola uphokoze amazwi ovelwano kwiintsapho zalamaqhawe awileyo.
Ukongeza uMasemola ugxininise ngokuthi, “asinokwazi ukuba siswelekelwe ngamaqhawe esizwe ngexesha esemsebenzini, singamapolisa sizama ngako konke okusemandleni ukuqinisa ukhuseleko ukanti sikwazama ngako konke okusemandleni ukuphelisa ubugebengu.”