BHISHO – Emva kweminyaka bengasaboni, iinkonde neenkondekazi ezingamashumi asixhenxe anesihlanu (75), axhamle kwiphulo lesebe lezempilo ephondweni nelinceda abo banengxaki yamehlo nokungaboni kwisibhedlele iSt Barnabas, kule mpela-veki sisuka kuyo.
Isebe lezempilo eMpuma Koloni libambisene nebutho labantu abaphila nokungaboni (South African National Council for the Blind), basungule iphulo lotyando-qhaqho lwamehlo kwabo banalengxaki yamehlo. Malunga namashumi asixhenxe anesihlanu yabantu abathe bafumana uncedo emveni kokulinda iminyaka.
UMphathiswa wesebe lezempilo ephondweni uNomakhosana Meth ufikile kwisibhedlele ebesiqhuba olutyando ukuzibonela ngokwakhe eliphulo liguqule iimpilo zabantu abaninzi lusiba yimpumelelo.
UMphathiswa uthe,”wonke umntu wonwabile, sibulela kakhulu kubantu ebebesebenzisana nathi ukwenza eliphupha ngokukhawuleza eluntwini, lubeyimpumelelo, sikwathembisa uluntu ukuba amaphulo anje asezakuqhubeka ephondweni nokuzisa iinkonzo ngokukhawulezileyo eluntwini. Sibulela kakhulu kumbutho wabantu abaphila nokungaboni (SANCB) ngokuthembeka nokusebenzisana nathi ukuza kuthi ga ngoku.
Eli lelinye lamabali elibeyimpumelelo njengokuba sithe gqolo ukunceda uluntu nokuzisa impilo engumgangatho eluntwini.”
Malunga namakhulu abantu asele benziwe olutyando apha ephondweni kwizibhedlele ezahlukileyo ekubalwa kuzo isibhedlele saseNgqushwa iNompumelelo, isibhedlele saseGcuwa, iFrontier kuKomani, iSt Elizabeth eLusikisiki kunye nesibhedlele iLife St Dominic’s eMonti.
Abaxhamli kweliphulo akhange bakwazi ukuwuvala umlomo bevakalisa indlela abonwabe ngayo ngokuba utyando luye lwayimpumelelo.
Kubo abathe baxhamla kubalwa uTata uSiphethe Phatsha owaqala ukuhlutshwa ngamehlo kwiminyaka eyadlulayo esengumsebenzi waseRhawutini.
Oka Phatsha uthe, “ndonwabile kakhulu kuba ekugqibeleni ndilwenzile olutyando lwabayimpumelelo kuthi sonke abalwenzileyo, ndiyaziva ukuba utshintsho emehlweni wam lukhona, kwaye ndizakuphinda ndibone.”
Owesibini oxhamlileyo naye kweliphulo uMama uNolulamile Khatshaza ungqine ngelithi, ” yandiqala lengxaki ngonyaka wamawaka amabini aneshumi elinesixhenxe (2017), ukusukela ngoko ndizamana noncedo ndingalufumani ndawo kungekho themba, kodwa xa kunamhlanje ndiyavuya ngoba ndincedakele.
Ndiyavuya kakhulu, ubomi bam buzakutshintsha, ndibulela uThixo ondincedileyo.”
Oka Meth waleke ngelithi, “Eliphulo lisezakuqhuba ephondweni njengokuba ngoLwesihlanu umhla we 05 kuCanzibe 2023 sizakube sisingise eMatatiele.”