MTHATHA – UMphathiswa wesebe lezempilo kwiphondo leMpuma Koloni uNomakhosazana Meth uvakalise ukudandatheka emveni kokuba kusweleke umfundi nobesenza unyaka wokugqibela kwizifundo zobuGqirha kulempela-veki.
Le ntwazana eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28), nethe yoyisakala zintlungu kwisibhedlele saseMthatha iNelson Mandela Academic Central, emveni kokuba igaxeleke kwingozi yemoto eMthatha.
Iingxelo zithi, lo mfundi ebekunye nabanye abafundi abafundela ubugqirha ngexesha kusehla lengozi. Lo mfundi, nosuka kwiSithili sezeMpilo iBojanala, eMntla-Ntshona, nosele egqibe iminyaka emihlanu eqeqeshelwa ubuGqirha eCuba.
Ngelixa esutywa kukufa ebesenza unyaka wakhe wokugqibela kwisikolo sobuGqirha (Walter Sisulu Medical School).
UMphathiswa uMeth uthumele amazwi ovelwano kusapho lomfundi noogxa bakhe.
Uvakalise ngelithi, “sothukile kakhulu silisebe besisalindele lukhulu kulentwazana nebe inekamva eliqaqambileyo. Icandela lezeMpilo lizakuqhwalela ngaphandle kwakhe.”
Oka Meth wongeze ngokuthi, “kubuhlungu obuviwa lolusapho nathi silisebe lezempilo sixhwalekile, silahlekelwe nguGqirha nobethembisa ngokusebenza, ngokuzimisela ukunceda ubuntu. Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo.”
Igama lomfundi isebe lezempilo ephondweni lisalinkonyile ukulibhengeza, ngenjongo zokukhusela amalungu osapho nangekachazelwa ngesisehlo.