BHISHO – UMphathiswa wesebe lezokhuseleko lasekuhlaleni kunye nesebe lezothutho ePhondweni uXolile Nqatha uthi wadikwa yeyokosa kwiDyunivesithi yase Fort Hare.
Oka Nqatha uzikhabele kude kunaye izityholo ezidiza ukuba unesiqinisekiso sase Fort Hare emveni kokuba iphepha ndaba i-Daily Dispatch likhuphe inqaku ngomhla we 27 kuTshazimpuzi, elidiza ukuba abaphathiswa abathathu bephondo bantyumpantyumpeka kuphando elenziwa liqumrhu eliphanda izityholo ezigwenxa kumaziko karhulumente i-Special Investigating Unit (SIU).
UNqatha uzithethelele ngokuthi kwelakhe icala akanaso nasinye isiqenisekiso kwiDyunivesithi yase Fort Hare.
UMphathiswa uNqatha udwelise iziqinisekiso zakhe kunye namaziko emfundo aphakamileyo awazifumana kuwo;
Certificate in Advance Human Resources Management and Industrial Relations – Rhodes University
Certificate in Project Management – Rhodes University
Certificate in Journalism – Rhodes University and Eastern Cape News Development Agency
Diploma Labour Relations – Global Business Solutions
Postgraduate Diploma in Public Management – Wits University
Ukongeza ingxelo edizwe lisebe likaNqatha, “okaNqatha wabhalisela izifundo zeMasters Degree kwicala le Public Management kwaNokholeji, ntonje wathi esaqhuba nazo wadikwa yeyokosa, watsiba ngaphaya kwamasango elo ziko-mfundo.”
Ingxelo edizwe lisebe likaMphathiswa idize ukuba bubuvuvu obo ukuba uMphathiswa uNqatha uyaphandwa leliqumrhu le-SIU.