GQEBERHA – Sigwetywe ubomi ejele yiNkundla ephakamileyo eGqeberha, isibini esingumfazi (womfi) kunye nendoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala, nayathi yacelwa ngumfazi ukuba ibulale umyeni.
Isithethi samapolisa eGqeberha uKolonel Priscilla Naidu uthi, umbulali (hitman), uMasixole Nyaba kunye nomfazi womfi uNtombizodwa Solwandle bagwetywe udilika-jele ngoLwesibini, emva kokufunyaniswa benetyala lokubulala uMnoneleli Solwandle eBooysen’s Park kweyoMqungu ngoyaka ka2020.
UNaidu uthi, uNtombizodwa oneminyaka engamashumi amane anesibini ubudala, nobesaxabene nomyeni wakhe, ebembhalise kwimibutho yooMasingcwabane abaliqela. UNaidu ukwathe, umhlobo kaNtombizodwa okwakunguye owazama umbulali (hitman) wabulawa yena kwigumbi lakhe kwilokishi yaseZwide ngonyaka ka2021.
Lo kaNaidu uqwele ngelithi, uNyaba ukwagwetye iminyaka elishumi elinesixhenxe ngokufunyaniswa enompu neembumbulu ngokungekho mthethweni.
Umkhomishinala wamapolisa kwisithili seNelson Mandela Bay (Nelson Mandela Bay District) uNjengele Vuyisile Ncata usamnkele esi sigwebo.