WHITTLESEA – Utyalo mali olwenziwa kukubambisana kukaMasipala wesithili wase ChrisHani, isebe lezolimo uguquguquko lomhlaba wasemaphandleni eMpuma Koloni (EC DRDAR), eMbekweni ngaphandle kweDolophana iWhittlesea lulindeleke ukuba luzise uzinzo kumaFama eegusha esekuhlaleni.
Ngomhla we20 kuTshazimphunzi kulonyaka umiyo uMphathiswa wesebe lezolimo uguquguquko lomhlaba wasemaphandleni eMpuma Koloni, uNonkqubela Pieters udlulisele ngokusesikweni ishedi ekumgangatho ophezulu yokuchebela iigusha kumaFama eegusha aseMbekweni, eWhittlesea kude kufuphi nase Komani.
Esisandla senzela ukuncedisana nabo ukuba baqhubeke bakhiqize uboya begusha obosemgagathweni. Eliphulo lalamafama lubambisene neEnoch Mgijimi Woolgrowers Association phantsi kweChrish Hani Woolgrowers Association.
Kukanti kulamafama kukho namanina aqikelelwa ku31. Bathi xana sele bezichebile iigusha ezi, uboya obo buthengiselwe inkampani yabucala ezinze eGqeberha nethi ibuthengise phesheya kweelwandle.
Ukongeza kulomsebenzi wobuboya akukhethwe bala kukanti akukhethwe sini. Kunyaka ophelileyo bakhiqize ngaaphaya kwesigidi kumabhali ayi83.
Usihlalo weEnoch Mgijimi Woolgrowers Association uSiyambonga Booi uthe, ubamba ngazo zozibini kwisebe likaDRDAR ngegalelo lakhe kulamafama asekuhlaleni
Kukanti uNosakhele Feni nongumfama ongumntu wasetyhini waqala ukufuya ngegusha ezimbini kuphela, namhlanje unegusha ezingama-132.
“Ndingumama kubantwana abasibhozo, kukanti kubo akukho namnye osebenzayo. Ukufuya iigusha kugxotha ikati eziko kuthi,” utshilo oka Feni.
“Ukulima bubomi…,” ugqibezele ngelo.
Umbutho iEmbekweni Woolgrowers yaqala lomsebenzi ngonyaka ka1976 ukuzothi ga ngoku. Isebe lezolimo uguquguquko lomhlaba wasemaphandleni liyaqhubeka notyalo mali kulamafama asekuhlaleni.
Kuhlahlo lwabiwo-mali lukanyaka ka2023/24 okaPeters uthembise ngemali engange R42.5 million nezakuba luncedo kumafama asekuhlaleni, kwizidingo zawo.
Kukanti bachwethe nesebe lezogutyulo kunye namanzi kuzwelonke, ukuze luncedise nalo. Oku kuza emveni kokuba amanzi ebangumceli mngeni kumafama ingakumbi asakhulayo.