BHISHO – UMongameli weUnited Arab Emirates kunye nomlawuli we Abu Dhabi, uSheikh Mohamed bin Zayed Al Nahyan, kunye nosapho lwakhe bafike ephondweni ngoLwesithathu befikela kwisikhululo senqwelo-moya iBulembu kufitshane naseBhisho befikela kwindawo abayakha ngezigidi ezingamashumi amabini eRandi (R20 million).
Lo mlawuli nogaleleke kwilizwe loMzantsi Afrika negqiza labantu abangamakhulu amahlanu (500), kuquka kubo amanye amalungu osapho lwasebukhosini eUAE, abaqeshwa,neemvumi eziphezulu nezilindeleke ukuba zisingathe umnyhadala womanhood nophawula isiphelo seKrisimesi senkolo yama Arab iRamadaan.
Kubhengezwe ukuba olusapho neendwendwe zalo baze kunye nayo yonke into abanokuthi bayidinge ngexesha lokutyelelo lwabo lweveki ezimbini ephondweni iMpuma Koloni, kuzo izinto abathe baza nazo kuquka izithuthi, izixhobo zokuzilolonga kunye nempahla yendlu.
Othethela uRhulumente uthe, Balamkele igqiza labantu amabangamakhulu amahlanu ephondweni ukusukela ngeCawa.
Unabe ngelithi,” ndingangqina okokuba ukusukela ngeCawa ukuza kuthi gaa ngoku, akukhange kubekho magingxi-gingxi, kwaye akhange sityeshele imithetho nemigqaliselo yecandelo lee nqwelo-moya.”
Iimpukane eziluhlaza zithi uAl Nahyan ebedlangokuchitha iiveki ezimbini kwindawo yakhe yezokhenketha, nayo awathi wayakha emveni kokuba wathenga umhlaba kwiphondo iMpuma Koloni kwiminyaka emibini eyadlulayo.