ELUSIKISIKI – Kudutyulwe abantu abahlanu(5) kumzi omnye lahlanza iselwa kwilali yakuLuphondo eLusikisiki.
Ezinzulwini zobusuku xa kanye wonke umntu ekobentlombe, izaphuselane nezigila-mkhuba zezikhohlakali ziqhushumbise ngezulu lezandla kwisihlanu sosapho olunye kwasinda isibini kuphela.
Kusinde umntwana ononyaka omnye(1) jwii kunye noneminyaka esibhozo Elisikizi lenzeke ngoMvulo(05/06/2023) waleveki siqwela ingqokoqho yawo.
Ngokwengxelo yamapolisa ngomlomo kaBrigadier Tembinkosi Kinana, kumbonzeleke imiguvela inukelwa ligazi kwizithuba zentsimbi yokuqala ezinzulwini zobusuku yaqhumisa umbombayi wezulu lezandla.
Kwindawo yexhwayelo kufunyenwe imizimba emihlanu idunduluze kabuhlungu umphefumlo ungasekho. Phakathi kwaloomizimba ngumntu omdala oneminyaka engamashumi asixhenxe anesibhozo(78) bonke bebenamanxeba weembumbulu kwaye besele bewunabele uqaqaqa.
Amapolisa waseMpuma Koloni ayabongoza edomboza kuluntu ukuba lusebenzisane nawo kubanjwe ezizibhongobhiyane zemigulukudu yonqevu.
Umntu onolwazi ngelishwangusha kuyalelezwa kuye atsalele isikhululo esikufutshane naye kulenombolo 08600 10111.