EMONTI – Inkundla kaMantyi ezinze eMonti nebichophole ityala leDindala leSebe leZoluleko (Correctional Services) isithathe yasijula kwesinomhlwa isitshixo emveni kokugweba uMxosa ubomi ethothoza kwezimnyama.
UMxosa oneminaka engamashumi mane anesobhozo(48) uzakulala eqamele ngenqindi kwezimnyama ukuqala namhlanje. Lo kaMXosa wathi wagebenga owayesekuba ngu nkosikazi wakhe.
Inkundla yamatyala iqhube yathi lo kaMxosa akakulungelanga konke-konke ukuphatha isibham, inkundla ityatyadule yathi umakhulu nabantwana kuzakufuneka bafumane ululeko lwengqondo lisebe lezeNtlalontle.
Lo kaMxosa wamxhela ngocelemba owayesakuba yinkosikazi yakhe endlini yabo yomsebenzi yeSebe leZoluleko eWest Bank Prison Quarters eMonti ngomhla wokuqala kweyoKwindla nyakenye (01 March 2022).
Olunyovu ulwenze phambi kwentwazana yabo eneminyaka elithoba ubudala.
UMxosa nowayesakuba ngumkakhe bawuqhawula umtshato wabo ngonyaka ka2019 kodwa baqhubeka bengabantu abanyama-nye kwaye betyelelana ngamaxesha athile.
Phambi kosuku lwesiganeko isibini esi siqale ngokungaboni ngasonye, nto leyo ekhokelele ekubeni luqhawuke phakathi uthando lwabo kuba umama lo ubehlala ngokungonjwa yiletyhagana yakwaMxosa.
Lo kaMxosa ubuze kulo wayesakuba ngumkakhe ukuba ingaba uyamlahla na nyhani, uthe akungaphenduli umama lendedeba yathatha ucelemba yamxhaxha ngawo kanobom.
Intombi yabo icele kwabanentsente, yahlaba umkhosi kuluntu jikelele. Akuphelanga nexesha elingakanani wabanjwa uMxosa esazipholele kamnandi nabahlobo bakhe besitya izinto ezimnandi zamadoda kude kufuphi nodederhu lweevenkile eMonti.
Ngexesha liqhuba Ityala, lo kaMxosa uphikise ingxelo yentombi yakhe ngelithi bubuvuvu nentsomi emini. Uqhube wathi lo mntwana uphenjelelwe nguninakhulu ukuba makaxoke ngaye.
Igqwetha loMbuso uAndile Nohiya lithe isigwebo sobomi sisigwebo esisulungekileyo ingakumbi xa ngaba umntu ewuqonda kakuhle umthetho njengoMxosa lo, kuba ebephangela kanye kwelasebe lezoluleko.
Osuka kwiGunyabantu lezoTshutshiso ekwangumqondisi-zigwegwe Barry Madolo uqhwabele izandla umcuphi welityala kunye nomtshutshisi ngokumela inyaniso ngexesha layo ukuzothi gaa ekubeni letyhagi ijongane ngqo emehlweni nengalo yomthetho.