ABERDEEN – Balishumi elinesihlanu(15) abantu abathe basweleka, bonke bebekhwele ibhasi encinci.
Yibhasi encinci nebigcwele qhu kunye nelori ezithe zagaxeleka kwintlavubela yengozi kuhola wendlela uN9 kwisithuba sentsimbi yeshumi elinanye,kobubusuku sivuka kubo eAberdeen kwiphondo leMpuma Koloni.
Kuvakala ukuba ilori imbonzeleke kwintlaninge yemfemfuyo ebidakasa endleleni kulapho kanye umqhubi aye waphulukana nolawulo lwelori leyo.
Uthe xa ezama ukusibuyisela endleleni kwaphuncuka inqwelo erhuqwayo(trailer) yaphephezela emoyeni iphazamisana nalebhasi incinci ebusuka kwicala laseMpuma Koloni isiya eNtshona Koloni.
Le nqwelo irhuqwayo(trailer) Izingxale ngenkani kulebhasi incinci yabulala wonke umntu obekhwele lebhasi.
Balishumi elinesihlanu abantu abasweleke kulebhasi. Ngamanina alithoba, amadoda amane, abantwana ababini kuquka kubo umntwana oneminyaka emibini(2) kunye nomntwana onenyanga ezimbini(2)
Umqhubi welori ubhungcile kule ngozi uye wafumana nje imigruzuko engephi.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samapolisa waseAberdeen ukuqhuba uphando.
UMphathiswa wezokhuseleko kwiphondo leMpuma Koloni uXolile Nqatha udlulise amazwi wovelwano kuzo zonke iintsapho ezichaphazeleke lelishwanguswa.