QOBOQOBO – Kuhlaselwe abaqhubi beebhasi zikaMayibuye kunye nezeAB350, ezinkampani zimbini zisebenza kwilali ezisemaphandleni kweli phondo.
Oluhlaselo lwenzeke kwilali yaseZingcuka kuQoboqobo apho umqhubi webhasi yakwaMayibuye edutyulwe wabulawa khona esemsebenzini. Umqhubi ubethutha egodusa abakhweli ngelixa kungena umbulali kwisithuthi eso.
Umphathiswa wesebe lezothutho ephondweni uXolile Nqatha ukholelwa ukuba ingalo yomthetho kunye nabantu bokuhlala bazakulwela ubulungisa kufunyanwe umenzi wobubi.
“Asinokwazi ukuvumela into yoba ubomi bomntu bungaxabiseki, apho izikrelemnqa zisuka zibulale khona umntu kungabikho ziphumo. Kuyacaca ukuba umbulali lo ungene kuyo ibhasi ngenjongo enye yokuthatha ubomi bomqhubi. Ukungenzeki nto yimbi ngaphandla kokubulawa komqhubi lo bubungqina balonto, kwaye kufuneka kubekho iziphumo zalonto”, uthethe watsho UMphathiswa Nqatha.
“Ishishini lono’taxi’ liqhubeke libona igazi lalo, ngoko ke ndithi wonke amaqurhu mawasebenze nzima nabomthetho ukubamba abenzi abo bobubi,”Nqatha.
Ukudutyulwa kwebhasi kaMayibuye ivele emvakokuba iibhasi ezine zenkampani yakwa AB350 zintunyekwe ngomlilo kwinyanga ezimbini ezidlulileyo.
Oluhlaselo alubethanga zimali zenkampani kuphela, zikwashiya abantu bokuhlala besilela bangenazo izithuthi ezithembakeleyo ukufikelela kwindawo ezifana nezempilo.
UMphathiswa uNqatha uphinde wazimisela ukusebenza neebhasi kunye neshishini lono’taxi’ ukubuyisela uxolo nozinzo kwezothutho.