EMONTI – Urhulumente wezentsebenziswano kulawulo nemicimbi yesintu eMpuma Koloni (COGTA)ibibambe ingqungquthela yayo eMonti nalapho urhulumente ebezokuthi thaca uhlelo malunga nokungenelela ekuphuhliseni iinkonzo zamanzi ephondweni.
Iphondo leMpuma Koloni liphondo elingqongwe ziilali ezithwaxwa ziimeko ngemeko ukuquka kuzo unqongophalo ekuhanjisweni kwamanzi eluntwini. Urhulumente uzama unako nako ukuhambisa iinkonzo zamanzi eluntwini ngokukhawuleza ngenxa yomceli-mngeni wotyiwo lwemali kwiiProjekthi ezifumana isixa ukuze zihambise iinkonzo zamanzi eluntwini.
Urhulumente uza nephulo elitsha lokukhawuleziswa ukuhanjiswa kweenkonzo.
Ukusukela ngoku inkampani echongiweyo ukuhambisa iinkonzo iqale ukusebenza kulo nyaka-mali ngenyanga yekhala ze ngenyanga yoMnga kube kanti loo nkampani umsebenzi wayo sewume kumyinge wama-60% womsebenzi osele ugqityiwe.
Umphathiswa wesebe lakwa COGTA ePhondweni uZolile Willaims uthi umasipala wesithili saseO.R Tambo neAlfred Nzo ngabona bavelayo kakhulu kuhlelo loo masipala abanemiceli- mingeni yenkcitho-mali kwaye nalapho sebengenelele ukuqinisekisa ukuba imali isetyenziswa ngokufanelekileyo.
“Ukuba imali ayisetyenziswa ngokufanelekileyo iindawo ezisemaphandleni zisezakusokola ukufumana iinkonzo zamanzi ezifanelekileyo, lomhlangano ubujongene kunye nayo yonke imiceli mngeni ethi ithwaxe iilali ezikweliphondo ezingenamanzi, sikwaqinisekisa nangococeko lwamadama,” Williams.
Urhulumente uthi kubalulekile ukuba abantu abasemaphandleni bafumane amanzi acocekileyo.
Ukwabongoze bonke oomasipala beliphondo ukuba baqinisekise ukuba amanzi adluliselwa eluntwini asempilweni kwaye acocekile.