MQANDULI – Umongikazi uThuletu Siyange obesebenzela iinkampani zabucala ezingenzi nzuzo(NPO’s) eGqeberha ulandulele eli. Ubeyinkokheli yeAquity Innovations’ NPC’, ekwanguMongikazi ocebisayo kwi ‘Martenal Adolescent & Child Health Institute’, ubekwayinkokheli ye’ Ubuntu Pathways’.
Yinzalelwane yaseMacosa eMqanduli ufumene ingozi emasikizi ehamba ngenqwelo yakhe.
Lo Mongikazi uzenzele igama ngokuthi abengoyena uvote kakhulu kwingoma kaBetusile Mcinga ethi “Ngena Noah” nethe yafumana iwonga kwi “Metro Awards”.
Namhlanje uBetusile unomhobe wesizwe, ingoma ephumelele gqathu de yabe iyingoma yonyaka(Song of the Year).
UThuletu uvote ngeevoti ezingaphaya kwamawaka amathandathu(6000) nto leyo ekhokelele ekubeni awelwe ngumqa esandleni ngokuthi aphumelele ikhefu(Vacation) kuMhlobo Wenene exabisa amashumi amabini anesihlanu amawaka(R25000), akaphelela nje apho waphumelela ishumi lamawaka(R10 000).
Uzakubekwa kwikhaya lakhe lokulinda eMacosa A/A eMqanduli ngomhla wama-22 kweyeKhala 2023.
UYehova usondele kwabo bantliziyo zaphukileyo.