MAKHANDA – Xibilili izibilini kubahlali baseMakhanda.
UMphathiswa kazwelonke weSebe lezobulungisa uRonald Lamola uzehlisile izibini xa ebedakanca intetho yakhe malunga nokufuduswa kwenkundla ephakamileyo yaseMakhanda kuMasipala wasekuhlaleni waseMakana.
Lo kaLamola uthe le nkundla ayizukuya eBisho kodwa eyona nto ibidala isankxwe kukuthathwa kwalento bathi ngolwasemzini yi “seat of the court” iye kundlunkulu, zonke ke ezinye izinto zenzeke njengesiqhelo kulenkundla ngoku ilapha eMakhanda.
Nalapho ke abahlali baseMakhanda bakhanda ngenqindi phantsi besithi kwalo “seat of the court” abafuni ihambe.
Lento ke ithetha ukuthi ukuhamba kwe “seat of the court” inkundla le izoqhubeka ijongene ncakasana nezinto zalapha ekuhlaleni kuphela(Local division of the High Court) ukuze iBisho yona ijongane nezinto zonke ezenzeka kwiphondo leMpuma Koloni(Provincial division).
Izithethi ezininzi ekuquka kuzo unjingalwazi weDyunivesithi yaseRhodes uSizwe Mabizela uthe, “inzulile kwaye ibaluleke ngezinto ezininzi into yokuhlala kwalenkundla apha echaphazela uqoqosho kunye namathuba emisebenzi”.
Abahlali, amagqwetha, iinkonzo zeemvaba ngeemvaba, oosomashishini njalo-njalo bathethe ngazwi- linye besithi le “seat of the court” mayingayi ndawo.
Le ntlanganiso ibiququzelelwe nguSodolophu woMasipala wasekuhlaleni waseMakana uYandiswa Vara.
Izindululo zizakubuya nesigqeba sexeshana (interim committee) kwinyanga yeDwarha kulo umiyo.