TSOMO – Amalungu osapho olunye atshe angqongqa kusapho lakwaPhongoma eUpper Xolobe eTsomo.
Ngabasetyhini abathathu nabazalwa kunye abatshele endlwini betshiswa ngumlilo ongabonakaliyo ngexesha bezilele isiko lentonjane. batshele ngaphaya komkhusane.
Umnqa ngulo, iingubo ebebezombethe azitshanga kwazona. Umlilo ongabonwayo uvele wahambela emzimbeni kuphela washiya iingubo zinjalo.
Indlu ebebehleli kuyo irhawuke njee kancinci. Esisithwakumbe senzeke kanye ngosuku olwandulela umgidi wabo ngentsimbi yesibhozo(09:00) kusasa umhla we-09 kweyeKhala 2023 xa begqiba ukudla isidlo sakusasa.
UMphathiswa weSebe lezenkcubeko ubugcisa namasiko apha ephondweni leMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe uye wayokuzibonela ngokwakhe esisihelegu singaqhelekanga.
“Sithe sakuva ngesisiganeko singurhulumente saqonda ukuba masize sizogxwala emswaneni nelikhaya nanjengoko isihelegu esi singaqhelekanga”, utshilo uKontsiwe.