TSOLO/QUNU – Kuleveki ngoLwesibini izakube ingumhla wokuzalwa kwalowo ungasekhoyo nowayesakuba ngumongameli wokuqala ngokwentanto yesininzi uNelson Rolihlahla Mandela.
Izijamankungwini ezine zizakuvela kwinkundla kaMantyi kuTsolo ngezityholo zokubulala uWarrant Officer Inani Mbombo obengumantshingilane emzini wakwaMandela eQunu.
Oku kuza emveni kokuba ngoMgqibelo waleveki iphelileyo uMbombo wayezintyintye ngeenyembezi zikaVitoliya kwisirhoxo sakuTsolo. Kuqhumbuke ingxabano kwindawo yentselo kulapho kanye lo ka Mbombo aye wakhupha umpu wakhe womsebenzi wadubula le ndoda axabana nayo.
OkaMbombo waye wathi nyawo zam wakhe wandisebenzela nini wababeleka abasicatyana emva kokubona ingqumbo nomothuko wabantu kule ndawo yentselo, baye bamleqa bamfumana bambethela oogqirha nezicaka bekwazama nokumtyumza intloko ngelitye.
Uye wabe unabela uqaqaqa emva kwezo zivubeko.
UMbombo ebesebenzela amapolisa kwaye ebesele eneminyaka eli-16 egada ipomakazi lakwaMandela kuhola wendlela uN2 eQunu.
Ushiya abantwana abathathu nonkosikazi.
Intloko yooKhetshe (HAWKS) ephondweni uMajor General Obed Ngwenya, uwuncomile umsebenzi wabacuphi ababambe la madoda mane kwaye ukwacele abahlali ukuba bayeke ukuthathela umthetho ezandleni zabo.
Abarhanelwa aba kulindeleke ukuba bafake isicelo sebheyile ngoLwesibini umhla weshumi elinesibhozo(18 kweyeKhala 2023)