EMONTI – UMphathiswa weSebe lezokhuseleko loluntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha uqhwabele abakwantsasana emveni kokuba kubanjwe amadoda amathathu atyholwa ngokubulala umnini venkile uZoleka Gantana obeneminyaka engama-57, nomncedisi wakhe uKholosa Mpunga obeneminyaka engama-27.
UGantana noMpunga bathwetyulwa ngelixa kwakuphangwa kwivenkile yabo eNcerha kwiveki ephelileyo. Amapolisa afumene imizimba yabo idunduluze kungasekho lula nokuyifanisa kuba itshe yangqongqa. Ngomhla weshumi linesixhenxe (17) kule imiyo abarhaneleka ngokubulala bavele kwinkundla kaMantyi eMonti.
UMphathiswa uNqatha kunye nomkomishinala wamapolisa ephondweni uNjengele Nomthetheli Mene bebezimase lenkundla ngelixa kuvela lamadoda mathathu.
Inkundla ilishenxisele umhla weshumi elinesibhozo(18) kweyeThupha 2023 elityala, abasolwa bagcinwe eluvalelweni lwamapolisa.
Umkomishina wamapolisa uNjengele uMene uthi, “Sikholelwa ukuba esisibini besingaxhwilwanga koko abasolwa bebezimisele ukubulala.
Besegcibhala nje kuba umnini venkile ingowasetyhini kodwa ke sinethemba lokuba umthetho uzakudlala indima yawo.”
Oka Nqatha uthe, “Sisiganeko sesibini esi sokubulawa ngokuxhaxha umzimba womntu emveni kwesithwakumbe sokuxhaxhwa komzimba wongasekhoyo uNosicelo Mtebeni owabulawa ngokungenalusini. Singathanda ukugqithisa amazwi ovelwano kwiintsapho zalamaxhoba sibulele siqhwabele kanjalo abakwantsasana ngokuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayavalelwa.”
Ukongeza uMphathiswa ukwadandalazise ukuba uluntu malube yimbumba ekunyhasheni ukuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana kuliwe nobhubhane ugqugqisa nothe gqolo ukutshabalisa iintsapho zishiye amakhaya engenabo oomama umaquqa ebuyelela wokuxhatshazwa ngokwesini(GBV).