EMONTI – Indlela esetyenziswa kakhulu esingise kwisikhululo seenqwelo-moya iKhing Phalo eMonti, neceba ukuphungula ukulibaziseka kubasebenzisi balendlela yandise noqoqosho kule dolophu ifikelela esiphelweni, ibalelwa ukuba ikumyinge wama 87% ukuba igqitywe.
Le projekti ixabisa izigidi ngezigidi zerandi, ingumgama we khilomitha ezisixhenxe nesiqingatha 7.6km ukuvuleka, kukholelwa ukuba izakukhulisa uqoqosho lwaseMonti neenkampani ezingqonge isikhululo seenqwelo-moya iKing Phalo.
Kukholelwa ukuba lomsebenzi ushiyekileyo oxabisa amakhulu amane anamshumi amathathu ezigidi(R430 million) uzakuqosheliswa kwisithuba nje senyanga ezimbini.
Le ndlela inguR72 ichazwa njengendlela exakeke kakhulu ngexesha lakusasa naxa kutshona ilanga, nto leyo iye ibangele ulibaziseko kubasebenzisi bendlela. Lendlela ayisingisi kwisikhululo seenqwelo-moya kuphela, ikwadibanisa uhola wendlela wabakhweli abasuka kwicala laseKapa naseThekwini.
Endwendwele lendlela uSodolophu womasipala ombaxa waseBuffalo City, uCllr.Princess Faku uthe, “Wonke umntu unomdla yilendlela, kuquka mna, ngoba izakukhulisa amashishini asondelelene nayo.”
Lendlela igqitywa ngexesha elifanelekileyo, xa kanye inkampani uTransnet ebhengeza ukutyala imali ekuphuculeni umzila ka loliwe, kuphinde futhi kongezwe umzila ozakuya kwiindawo yeenqanawa eseMonti.
Le projekti ikwavule amathuba emsebenzini kubahlali be wadi yama-46 kudibanisa nomsebenzi owongezelekileyo koosomashishini benkampani ezisakhulayo.