NTABANKULU – UMama uNgako Thobani Matshowa owazalwa ngomhla wama 13 kuTshazimpuzi ngonyaka ka 1918, nozinze kwilali yakuThwaku kuNtabankulu uwelwe ngumqa esandleni ngosuku lokuzalwa kukaTata uMandela.
Uceba weqela lombutho olawulayo iAfrican National Congress(ANC) kwi wadi yesi-3, uCeba Zwelivumile Joyi uchithe imizuzu yakhe engama 67 ukonwabisa lenkondekazi ngokuyiphathela izipho ekubalwa kuzo ingubo,ukutya nezihlangu.
Uceba Joyi ukhuthaza uluntu ukuba luthi gqolo ekwenzeni okuhle eluntwini mihla le. Ukwakhankanye olusuku lukaTata uMandela njengosuku lokwenza okuhle omnye komnye.
Ukudlulela apho uceba uJoyi uphinde watyelela futhi isikolo sabantwana abancinci iMathole Pre-school nalapho bafike badlulisa izipho ebantwaneni.
Uthethe wathi, “UTata uMandela wayebathanda abantwana ngoko ke kuluxanduva kuthi basele ngemva ukuqinisekisa ukuba abantwana bayonwaba kwaye bakhuselekile.”
Bakwadlulise nesipho sonyango lezokuqala ukuze abantwana bazive bekhuselekile esikolweni.
Uceba uJoyi ukwathe kuluxanduva lomntu wonke ongummi welilizwe ukuqinisekisa ukuba abantu abadala kunye nabantwana bakhuselekile.