LUSIKISIKI – Abahlali abadikwe yeyokosa bazijule nejacu bazikhangelela intombazana ebilahlekile.
Kwiintsukwana njee ezimbalwa bedize ngesiganeko sokulahleka kwentombazana nalapho ixhegwazana elithile liye lavuma ukuba liyamazi apho akhoyo ntonje lixakwe kumbuyisa.
Intombazana yakwaNgqetho ifunyenwe ingasakwazi nokuthetha.
Ufunyanwe ebotshwe iingalo, iizandla, kunye nomlomo kwihlathi lakuNgobozana izolo umntwana.
Ingxelo ithi umntwana oqikelelwa kwiminyaka elishumi elinesine(14) ulahleke ekuzeni kusa ngomhla we 18 kweyeKhala kule umiyo emveni kokuphuma eyobeka amanzi okuhlamba ukuze aye eskolweni.
Ukanti ingxelo ithi abakwantsasana baye baxelelwa ngokulahleka kwalentwazana kodwa athi makulindwe iiyure ezingama-48 ukukhangela umntwana nto leyo eyenze banxakame nangakumbi abahlali.
Abahlali bahambe bangena ematyholweni bekhangela umntwana bamfumane evalwe ngamlaphu emlonyeni, izandla zibotshelwe ngasemva.
Ngethamsanqa ufunyenwe esaphila kwaye uleqiswe esibhedlela kubonakala ukuba unomothuko kwaye enzinyelwe nakukuthetha.
Ukanti sisiganeko sesibini esikumila kunje ukwenzeka kulommmandla.
Ukuzokuthi ga ngoku akukabanjwa mntu.