MDANTSANE – Inkundla kaMantyi yaseMdantsane igwebe uNkosomzi Dyosiba oneminyaka engama 42, ubomi ngaphakathi ejele emveni kokuba efunyenwe enetyala lokudlwengula owasetyhini owayesakuba liqabane lakhe elineminyaka engama 51 ubudala.
Inkundla iphinde yongeza isigwebo sikaDyosiba ngeminyaka elishumi elinanye, emihlanu kuyo yeyokuqhekeza umzi ngenjongo zokubetha, eminye emihlanu futhi yeyokuxhwila, ze unyaka ibengowokuzama ukuhlukumeza ngokubetha owasetyhini. Zonke ezizigwebo ziwiselwe ukuba ze ziqhube kunye nesigwebo sobomi sokudlwengula.
Ngomahla wama 29 KweyoKwindla kunyaka wama 2022, uDyosiba wambondzeleka kwikhaya lexhoba kwilali yaseLuxolweni eNxarhuni, eMonti. Ixhoba laye lamyalela ukuba aphume nanjengokuba limenzele iimpepha ezisemthethweni zikaphum’uphele, waphendula uDyosiba ngelithi ezompepha zaphelelwa lixesha azisayi kusebenza watsho ekhaba ucango. Ekungeneni kwakhe yanguphantsi-phezulu eqweqwedisa ixhoba ngelithi lihleli nendoda, wathi ke akungayifumani indoda leyo ebecinga ikhona, wathatha umhlakulo phantsi kweSofa wabetha ixhoba elonzakalisa egxalabeni nasebusweni. Wandula warhuqa ixhoba elo lisezintlungwini linjalo walirhuqela kwakhe nalapho afike khona walidlwengula.
Ngentsasa elandelayo ixhoba laxelela isizalwane salo, emveni koko baya kuvula ityala kwisikhululo samapolisa. Wabalekiselwa kwindawo yamaxhoba eziganeko ezahlukeneyo zokuxhatshazwa kwisibhedlele iCecilia Makhiwane Thuthuzela Care Centre ukuze afumane ululeko lwasengqondweni kunye nokuhlolwa impilo, lo kaDyosiba wabanjwa.
Ngelixa kuqhuba ityala lo kaDyosiba wachazela inkundla ukuba akanatyala ngakwizityholo atyatyekwa zona. Umtshutshisi weNkundla uThandiwe Kaleni wathi thaca enkundleni ubungqina beJ88 kunye neempepha ezibonisa ukuba lo kaDyosiba wayefakelwe iimpepha zomthetho ezimyalela ukuba ahambele kude le nexhoba.
Inkundla ifumanise ukuba ayinasithintelo ekubeni ingambeki sigwebo siqatha uDyosiba akafanelwanga sisigwebo nje esincinci. Umbexeshi wegunyabantu lezotshutshiso(NPA) ephondweni uBarry Madolo, uqhwabele izandla umtshutshisi, abasebenzi baseThuthuzela eMakhiwane kunye nomphandi obelandelela elityala ngokuza kuthi thaca phambi kwenkundla ubungqina obubambekayo nobukhokelele ekubeni umthetho udlale indima yawo.