BISHO – UVuyiseka Mboxela nosisithethi soMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni esinqunyanyisiweyo, ukuphe ingxelo malunga nesiphithiphi esenzeke phakathi kwakhe nogxa wakhe. UMboxela uthe ngelakhe ebezama ukuphelisa ukuxhatshazwa kwakhe ngoogxa bakhe ntoleyo ekukudala eyinyamezele.
“Kuyekwakho imbambano phakathi kwam nomnye wogxa bam, ngelishwa ke lo ngxabano iyeyashicilelwa yathi ndi kumakhasi onxibelelwano ndizamile ukunqanda ingapapashwa levidiyo kodwa iinzame zam zaphanza. Ingxabano yona inde kwaye indala intsusa ayingo ‘molo’, kudala ndixhatshazwa emsebenzini bendizimela ke ndiphelisa lonto,” Mboxela.
UMboxela uthe emva kwalo ‘molo’ kuyekwathi funqu umsindo kwanyuka nemvakalelo zokuhlukunyezwa. Ukwavumile uyewaziphatha ngendlela engamkelekanga njengamntu ukwesisikhundla nonenjongo ezintle nge ofisi yoMphathiswa kunye nesebe lezeMfundo liphela.
UMboxela uqhube wathi, “Ndikhe ndathatha umzumzu ndabanokuziqonda, kungoko ndithi ndiyaxolisa ngokungazenzisiyo kuMphathiswa, abaphathi abaphezulu, abasebenzi nayewonke ubani uchaphazelekileyo yendlela endithe ndaziphatha ngayo. Ndikwathanda ukuxolisa kuluntu jikilele endilityala iinkonzo ezingenasiphako. Ndizakufuna uncedo lweengcali ukuze ndikwazi ukuziphatha xa ndiphinda ndihlangabezana nemeko ekumila kunje. Ndiyabulela ngethuba endilinikiweyo lisebe lokuba yinxalenye yempilo yabasebenzi, ndiyathemba sizakuthetha gabalala ngezinto ezingasiphethanga kakuhle kwaye ndizimisele ukusebenzisana ngokupheleleyo.”
UMboxela ukwabulela uluntu oluthe lwamxhasa ngethuba ebuthathaka, “ndiyandiba ngcono ngenxa yemithandazo yenu, imiyalezo nakokonke nje ndithi enkosi ngenene andinamazwi.”