GQEBERHA – Nankoo uAsisipho Mbekela esenza ubutyhifili bobuphuku-phuku.
Intombi eminyaka engamashumi amabini anesixhenxe(27) ubudala uzinqikele ilitye elinembovane emveni kwezityholo eziliqela zobuqhetseba.
Inkundla imfumene enetyala emva kwezityholo eziliqela zobuqhetseba.
UMbekela uxelenge iinyanga eziliqela kwicandelo lezeMpilo eyi ‘Radiographer’ ngolwasemzini kwaye ityesi yakhe igcwele qhu zimpepha zomgunyathi.
Isigwebo sathi sawiswa yiNkundla yoLwaphulo-mthetho olukhethekileyo kwezoRhwebo eGqeberha kulonyaka uphelileyo. Uphando lwamfumanisa ukuba uMbekela wabopha iqhinga eliluqilima lokuba neziqinisekiso zomgunyathi zomsebenzi de wazifumanela isikhundla kwisibhedlele iLivingstone, eGqeberha.
Kuye kwavela ukuba unontlalontle waye waphazamisa ingxelo emalunga nokuphila kakuhle kukanyana kaMbekela. Injongo zalengxelo yayikuveza ukuba ngubani ozakunakekela lomntwana xa unina ethe wagwetywa.
Igqwetha likaMbekela, uPeter Daubermann uthe le ngxelo akhange ifikelele kuye phambi kokuba bayovela enkundleni ngoMvulo, uDaubermann ucele inkundla ukuba imnike ithuba lokuphicotha ehlolisisa oko kuqulathwe yilengxelo.
Ikamva likaMbekela limfiliba nanjengoko ityala lisaqhuba inoba unazo nendawo ezithi “Vulela mhlaba ndingene”.
Ukuba uyagwetywa kulindeleke aphendule ngezenzo zakhe zobuqhetseba kwaye neNkundla izakuthabatha amanyathelo ngakwisigwebo sakhe.
Elityala liveza ukubaluleka kweziqinisekiso ezisemthethweni kwaneziphumo zobuqhetseba kwicandelo lezeMpilo.
LImpilo nokhuseleko loluntu lubaluleke ngeyona ndlela ingumangaliso, kungoko ke umthetho uzimisele ukufundisa isifundo ubambe bonke otshuqayo.