ELLIOTDALE – Abanantanga xa kuthethwa ngesisa, ukunikela nokuqwalasela izakhono zabantwana ezahlukeneyo.
Noba ungababeka emculweni, kwezemidlalo ngabo bodwa, andithethi ke ezincwadini ziintshatsheli.
Asikho isikolo ongathetha ngaso ngezinto ezintle ngaphandle kweElliotdale Village J.S.S.
Namhlanje bezikhamana kushiywana ngotyefezo ukuthatha amawonga emveni kokusebenza nzima kwiimviwo zasembindini wonyaka.
Bawongwe ngeziqinisekiso (Certificates) abantwana baseElliotdale Village J.S.S. kumsitho obukwelona zinga lakhe laphezulu.
Ngabantwana abafumene iziqinisekiso (Certificates) ngenxa yezinga lokupasa nomgangatho abawunyusileyo kwizinto ezahlukeneyo. Abanye bawongwe ngenxa yegalelo labo ekusebenzeni nzima besebenzela isikolo.
USibabalwe Njana ongumfundi kwibanga lesixhenxe kwesisikolo uzisube zonke iziqinisekiso (Certificates) kwizifundo zakhe, elandelwa nguYolanda Gwangqa kunye noCishe Sesi. USikhuthaze Mkhedamo uwongwe ngesiqinisekiso (Certificate) sembeko, ukuziphatha kakuhle nentlonipho kwiitititshala kunye nabafundi ngokubanzi.
Abaququzeleli balomsitho kuquka kubo uMandlenkosi Mtshoba, Zintle Mntshali kunye noNolundi Jadezweni.
Inqununu yesikolo uNoloyiso Mgwili ongumlandeli omkhulu weEastern Cape Daily News uvakalise amazwi wombulelo kubaququzeleli balomsitho ebaqhwabela izandla kumsebenzi wabo omhle abawenzayo.
Ijelo lendaba kwindaba zesiXhosa ephondweni leMpuma Koloni iEastern Cape Daily News belilapho ukuchola-chola konke obekusenzeka.
Halala!!! Elliotdale Village J. S. S. Halala !!!