MTHATHA – “Baxoleleni bantwana bam, dubulani mna bhetele”. Ithethe yenjenjalo inkonde emveni kokungena kwezikrelemnqa ezingenalusini kwilali yaseSikhobeni phantsi koMasipala wesithili saseO.R Tambo eMthatha.
Ngamakhwenkwe amdaka atecezise iintsula ezineentsumpa namaqhakuva angene kumzi othile axhomisa abantwana besikolo i-Kulanati S.S.S.
Bambonzeleke kulomzi bephethe imikhono yekati bafikela kwababantwana behleli nexhego lalomzi babanyanzelisa ukuba bakhuphe imali kunye neemfono-mfono zabo.
Libhomboloze ngelizwi elitshothozayo ixhego lisithi, “Baxoleleni bantwana bam, dubulani mna bhetele”.
Abaxumbukhwekhwe booxam bathathe zonke iimfono-mfono zasesinqeni ebezilapho basunteza ukubheka ngasemnyango beqinise amaqhekezana eempundu beshiya abantwana babantu bematshekile ngumothuko.
Bathe sebehambile baphinda babuya. Banyanzelise omnye wabafundi ukuba akhuphe imfono-mfono yakhe yexabiso. Kweli ityeli babambe elixhego ngesixhanti, belibetha besenza yonke into eyakhe yambi kulo. Sithetha nje nawe ixhego lilaliswe esibhedlele.
Abaxathawana phambi kokuba baze kulomzi baqale kumzi okufutshane bacula kwaa elaa culo linye, “sifuna imali kunye neemfono-mfono zasesinqeni”.
Usisi walomzi uye wabila kwakhuhleka naloo qhunkqu ibisebusweni. Uguqe ngamadolo wothula ne “weave” ebisentloko kwavela nobobuso bendoda ecenga edomboza ukuba bangambulali koko bathathe yonke into abayifunayo. Abazibonele ngamehlo bathi imisebe yamehlo efakelwayo(Eye Lashes) zivele zaziyela phantsi.
Usisi lo nongumama wabantwana abane(4) uye waqinisa ubuso ecengana nalamadoda ewabonisa zonke izinto abazifunayo.
AbaS’xwayimpompo baqhubeleke nomsebenzi wabo baqinisa iintsula ezimpatsha-mpatsha betsale imixhadi betsho ngezombaxawula zeenyawo ezinkulu ezimnyama thsuu! Beshixiza ngeembhadada ezibotshwe ngocingo besiya eUpper Xongorha nalapho bacule elaa culo labo “leemfono-mfono nemali”.
Ngelishwa abalazanga eliwinayo kuba badibene neembila zithutha.
Omnye wabo uye wanqakulwa ngabahlali, wabila umsintsila kwindoda enkulu kwankcenkceza amanzi anukayo. Abahlali bevutha bhe! ngumsindo bayitsale ngamatyhelufa le nkwenkwe bayitshisa ngomlilo we”BigNuz” kwaqhashumba amehlo, kwataka intsangu ngendlebe, yazikhapha nakulomhlaba ungezantsi indoda ikhupha amanywathi namaqithi-qithi wesigwampa sayizolo, esitsho ngento emnyama ngathi ubetye ubuqholo.
Kwiinyangana ezimbalwa kutshiswe abafana ababini kanye kulelali yase Upper Xongorha nabo bebetyholwa ngokubandakanyeka kwizenzo zolwaphulo-mthetho.
UCeba walewadi uAmanda Msuthu kuthiwa akabonwa nangotshengele kwiziganeko ezinje ukunika umkhomba-ndlela xa kuhewulwa isiganeko esinje. Amapolisa aseBhityi athi wona abhidekile ngoku ziziganeko ezenzeka kulammandla.
E-Upper Tabase kuvingcelwe kwabulawa abantu ababini owesithathu wayakubulawewla eSixhotyeni.