MTHATHA – Izolo izitalato zaseMthatha bezivaleke mba. Yinkitha yabantwana bezikolo ezahlukeneyo ebeziyoxhasa ugxa wabo owenza ibanga leshumi kwisikolo i-Attwell Madala High eMthatha.
UOvayo Ndaku utyholwa ngokudlwengula intombazana ebefudula encuma nayo uEsethu Budaza.
Le ntombazana egama layo linguEsethu Budaza ityhole lo kaNdeku ngokuthi umvithize ubuntombi bakhe, nto leyo engaginyekiyo kubazali bakhe.
Inkundla kaMantyi eMthatha ibichophele elityala isamkela ingxelo yomcuphi. Namhlanje kuzakumanyelwa isicelo sengqawule.
U-Ovayo Ndaku nobentshingi-ntshingi ebusweni ngumsindo ubuze umbuzo wamnye kuMantyi,
“Ingaba ngugqirha na lo uthi ndidlwengule okanye nguSethu?”
Lombuzo uzakuphenduleka namhlanje nanjengoko ubuthande ukubanobunzima kuMantyi.
Singasemoyeni. Sizakuniphakela zitshisa.