MTHATHA – “Akukho kwanto ityhulu ndiyenzileyo. Mna nentombi yam sincazelene ngesivumelwano”.
Bekunyakazela imibala ngemibala phambi kwenkundla kaMantyi eMthatha izolo ngexesha kushukuxwa umba wengqawule kaOvayo Ndaku. Ibizizikolo ezahlukeneyo, abazali, nemibutho yasekuhlaleni.
U-Ovayo uthande ukubangundaba-mlonyeni kwezintsuku emveni kokutyatyekwa ngezityholo zokuzithathela ngolunya kubuntombi nto bukaSethu.
Inkundla ifikelele kwisigqibo sokumkhulula lo kaNdaku ngewaka leerandi(R1000.00) nanjengoko eqala ukujamelana nezityholo enkundleni kwaye akanabungozi kungekho nendawo anobalekela kuyo.
Ingxelo kagqirha(J88) idiza ukuba intombazana le ibinemigruzuko emathangeni nto leyo eshiya imibuzo ukuba esi sibini besidavuzana hlobo luni.
U-Esethu nongummangali koluzenge-zenge kukho amarhe namahem-hem athi uyalirhoxisa elityala, kodwa kusenjalo kulindeke avele enkundleni kaMantyi uOvayo ngomhla wamashumi amabini kweyeDwarha kulo umiyo.