DUTYWA – Kuluvuyo ukubona ukuba nokuba ilizwe lingakekela kodwa kuyachulumancisa ukubona ukuba bakhona abantwana abangekaphulukani nolawulo lwabazali nokufunga ukuziphatha nokugcina imizimba yabo njengebhongo neqhayiya labazali babo.
U-Inako Matheza oneminyaka eli-18 ubudala, wasungula iProjekthi i-Inako Foundation encedisana nokuhlolwa kwamantombazana namakhwenkwe asaze ngobuso elizweni nebakhuthaza ekuzigcineni.
Okukuhlolwa kuye kuthathe inxaxheba kwiidolophu ezahlukeneyo kwiphondo iMpuma Koloni, eDutywa, kuGatyana, eNgcobo, eMqanduli, eMonti kanti ke nakwezinye iidolophu ezikwalapha ephondweni.
UMatheza uthi nangona uhlolo lubanjelwa apha ephondweni kodwa unebhongo neqhayiya ukwazisa ukuba bakhona oontanga ndini abasuka kumanye amaphondo abayinxalenye yohlolo olu nabathi bahlolwe bona kabini enyakeni ngenyanga yeSilimela kunye neyoMnga.
UMatheza unabe wathi kungumnqweno wakhe ukufumana inkxaso kuMasipala nangona bebethekala emalini yokuququzelela usuku lokuhlolwa ukuba lubeyi mpumelelo.
“Siphuma kumakhaya angafaniyo amanye amakhaya awathathi ntweni, kuye kubenzima kubanye abantwana ukukhupha imali yokukhwela baphele ke bephosakala kufumana iimfundiso ezizabomeleza ukuhamba lendlela yohlolo. Umntwana aphele etyhafa angabisakwazi ukuzigcina.”
Ukanti ke bakwakhona abantwana abangamakhwenkwe koluhlolo abaphuma phantsi kwe Inako Foundation kodwa ke baselula kakhulu. Into ebangela ukunqongophala kwabo kukuhlekana kwabo bangakhwenkwe kodwa ke lo kaMatheza uthi kukhona abantu abangotata abancedisayo nangona nabo besafunda ngenkciyo kodwa ke ithemba likhona. Amantombi wona ancedwa nguGogo uMajola nowathi waqeshelwa lomsebenzi ngenxa yamava eminyaka elishumi esenza uhlolo.
Ukanti ke nabani na okulungeleyo ukubayinxalenye ye Inako Foundation kumele abeneminyaka eli-18 ukuya ku-25.