MAKHANDA – Abanyubi nenye kwezinyubisayo abahlali baseMakhanda emveni kwesankxwe esithe ndii sokuba ingohluthwa intlaka emlonyeni baphulukane neyona nto seyilithemba negugu kubo.
Yingxoxo mpikiswano yeminyaka le, kunjalo nje zizakulima ziy’etyeni kuba ayinambitheki noba seyinongwe ngezodidi izinongo.
Rhoqo iphicothwa, ihlalutywa le nyewe koonomathotholo, koomabonakude nakumaphepha-ndaba akwehli nokutya kubahlali baseMakhanda, bambi baxuxuzelelwa zizisu.
Inkundla kaMantyi ephakamileyo idala uqhekeko, uzenge-zenge, imibuzo nomnembelele wochuku kula dolophu.
Kukho umbono neentshukumo ezithi le nkundla mayithathwe iyokugxunyekwa kundlunkulu wephondo leMpuma Koloni eBisho.
Uvuka kanye apho umnyele kubahlali beledolophu besithi inkundla le akukho apho iya khona.
Ngolwesine waleveki(13 kweyeKhala 2023) izakubayimiqodi izidwesha nezidwangube zomzi wakowethu zizakuthontelana kwiholo yesixeko sedolophu injongo inye kushukuxwa kanye oluzenge-zenge lwembundandimunye.
Ohloniphekileyo umphathiswa kwiSebe lezoluleko uRonald Lamola ephelekwa ngusodolophu kaMasipala wesithili saseMakana uYandiswa Vara ngabanye beendwalutho ezizakube zichophele lentsinda-badala.
Wonke umhlali waseMakhanda oxuxuzelelwa sisisu kwakuthethwa ngale nyewe uyacelwa azibandakanye neligqiza. Le ntlanganiso iyaqala ngentsimbi yeshumi(10H00) kusasa.
Zemk’ iinkomo Magwalandini.